Imibutho ephikisayo ayibonakali indima yayo kubemi beli

Ngu Zukile Majova
Umhleli Wezopolitiko

Ayinanto yokwenza nokubaxa into yokuthi amaqela aphikisayo kweli loMzantsi Afrika ayabaphoxa abavoti. 

Xa iyonke, idibene imibutho ephikisayo kweli ilawula umyinge weevoti ezingamashumi amahlanu anesihlanu kweli. 

Kodwa yintoni eyenziwe zezivoti?

Kuvoto lwakutsha nje – uvoto lorhulumente basemakahaya lonyaka ka2021 – Umbutho olawulayo waphumelela ngomyige ka45,59% weevoti, yashiya imibutho ephikisayo nomyinge ka54%. 

Ukuba imibutho ephikisayo ibikwazi ukusebenzisana ngeyathatha elithuba isebenzise amandla ewanikwa ngabavoti, ukuba ithathe ulawulo lwabo bonke oomasipala abangamashumi amathandathu anesithandathu ababexhonyiwe, kungekho mbutho wezopolitiko uphumelele emagqabini ukuba uthathe ulawulo. 

Abamasipala babequka omasipala abambaxa, apho imibutho ephikisayo yayinethuba lokuzibonakalisa ukuba ingaphatha ngcono kunombutho weANC.

Omasipala abambaxa abaquka iNelson Mandela Bay, eThekwini, Ekurhuleni, iTshwane kunye nesixeko saseJohannesburg, abanesabelo mali esingaphezu kweR200 billion xabedityanisiwe. 

Iyantlukwano ekwimibutho ephikisayo, kunye nokwabiwa kwevoti isabelwa imibutho eyohlukeneyo ephikisayo ngowona mqobo ubangela ungabikho umbutho owomeleleyo onokuba ngowona mbutho unokuthatha ulawulo lukarhulumente kumbutho weANC.

Iziphumo zolunyulo lukazwelonke lokugqibela zibonakalisa ukuba eli, linemibutho eyohlukeneyo yezopolitiko engamashumi amane anesithathu, nalapho inevoti ezingaphantsi komyinge yevoti kuzwelonke.

Oku kubuyela ncakasana kwintetho eyayithethwa nguHelen Zille okholelwa ukuba ukuvotela imibutho emincinane, kukuyilahla lovoti. 

Ukungavisisani kwemibutho ephikisayo ephambili emihlanu -iDA, iEFF, iIFP, iActionSA kunye neFF-plus – kwenze kwabanzima ukuba imilisele urhulumento lwemibutho ephikisayo oluthembakeleyo, ingakumbi koomasipala abambaxa. 

Umbuzo umile uthi ingaba oku kungavisisani kumalunga nemigaqo nkqubo?

Emva konyulo lweminyaka emibini edlulileyo, ulawulo lwemibutho ephikisayo ekhokhelwe yiANC iluthathile ulawulo lomasipala ombaxa waseThekwini maseJohannesburg, kwaye lukwazile ukuwisa ulawulo olukhokhelwe yiDA eTshwane, ngoku lujonge kumasipala ombaxa waseTshwane. 

Ukungabikho kozinzo kulawulo lombutho weDA, olubangelwa ngusomaqhuzu walombutho “uMadam Zille”, kuphazamise ulawulo obelunokubakhona kwabanye bomasipala ebebexhonyiwe. 

Umzekelo, eJohannesburg, lowo ubengusodolophu weDA uGqr Mpho Phalatse uyibethile iANC ngokusebenzisa iinkundla zamatyala, wakwazi ukubuyela kwisikhundla sakhe kumlo obunzima kulwelwa ukuphathwa kwesisixeko. Kodwa iinzame zakhe zokwakha intsebenziswano kwimibutho ephikisayo, zagalelwa phantsi nguZille ungazange avume ukusebenza neEFF. 

Enye indlela yayikukuba kubuyiselwa ulawulo kumbtho weANC, eyaphumelela ngevoti ezingumyinge ka33.6%.  

Kwelityeli, imibutho ephikisayo yayinevoti ezingaphezu komyinge ka66%, kodwa zange ikwazi ukuthatha ulawulo lomasipala oxabisa iR85 billion umele abantu abangaphezu kwezigidi ezintandathu. 

Kwisigaba sikazwelonke, imibutho ephikisayo enomyinge wevoti ezifikelele ku42,5% kumalungu endlu yowiso mthetho angamakhulu amane, inethuba lokuba iwise umbutho weANC uye kufika ngaphantsi komyinge ka50% kuvoto lonyaka ozayo. 

Umbutho weANC nawo usemngciphekweni wokuba ungakwazi ukuphumelela emagqabini kumaphondo afana naseRhawutini neKwaZulu-Natal. 

Ingaba imibutho ephikisayo ikhona into ezakuyenza ukuthatha elithuba?

Okanye ingaba izakuvumela amakratshi ayo ayilawule kwakhona?