Iinkosi zomthonyama zinyanzelisa imali eyongezelelweyo yokwenza umsebenzi wazo

Ngu Celani Sikhakhane

Amabhunga eenkosi zomthonyama kwiphondo leMpuma Kapa anyanzelisa isabelo mali esongezelelweyo kurhulumente wephondo kuba ayasokola ukwenza umsebenzi wawo ngendlela efanelekileyo. 

Ezinye iinkokheli zemveli zithi zinyanzeleka ukuba zikhuphe imali kwingxowa zazo ukuhlawulela umsebenzi wophuhliso kwingingqi zabo. 

Ukuzakuthi ga ngoku, azicacisanga ukuba zifuna malini.  

Ngokwesiqhelo, isebe lorhulumento ngentsebenziswano kunye nemicimbi yemveli kwiphondo leMpuma Kapa lifumana isabelo mali esifikelele kuR1 billion kulwabiwo mali lwephondo. 

Kutsha nje indlu yeenkosi zemveli kunye namaKhoi-San kwiphondo icebisa ukuba abahlali babe nemali abayihlawulayo ukuncedisa amabhunga ukwenza umsebenzi wawo.  

Iinkcukacha ezithe vetshe malunga nesisicwangciso azikadizwa, kodwa ikhona imizekelo kwamanye amaphondo apho abahlali behlawula imali ethile komkhulu. Kwiphondo laKwaZulu-Natal ibhunga leenkosi zemveli eNquthu lihlawulisa amashumi amahlanu eeRandi ngenyanga indoda nganye eneminyaka esukela kwishumi elinesibhozo engatshatanga. 

Amanye amabhunga ahlawulisa ngokusika amanxiwa. 

Ibhunga leenkosi zeemveli zinoxanduva lokuphuhlisa indawo zasemaphandleni, lisebenzisana norhulumente kunye nabatyali zimali babucala. Baphinde bajongane nokusombulula imeko zokungavisisani ekuhlaleni nezinye izinto zokuhlala. 

Unkosi Gwebinqelo Gwadiso ongusihlalo wendlu yenkosi zemveli kunye namaKhoi-San eMpuma Kapa uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba imeko le meko ibeka icandelo labo kwimeko yehlazo. 

“Sithetha nje ezinye iinkosi zomthonyama azinawo nditsho umnxeba kwi ofisi zazo. Ukuba zifuna ukutsalela umnxeba malunga nezinto zasekuhlaleni, kunyanzeleka ziye kwidolophu ukuze zenze loominxeba inokwenzeka ukuba ibe yenzelwa urhulumente okanye icandelo labucala. 

“Amabhunga eenkosi zemveli bekufanele anemali abekelwa bucala elungiselelwe wona ukuba abenonoobhala njenge palamente yephondo. Kodwa avalelwa ngaphandle kufuneke azibonele engenayo nemali,” utshilo uGwadiso. 

Isithethi sesebe lorhuumento ngentsebenziswano nemicimbi yemveli  uPheelo Oliphant ucele iqonga leendaba iScrolla.Afrioca ukuba limthumelele imibuzo kodwa, akakaphenduli ukusukela kwiveki ephelileyo. 

Zingamakhulu asibhozo anamashumi amane anesine inkokheli zomthonyama ezinamava kwilizwe loMzantsi Afrika. Kuphinde kube zikumkani ezisibhozo ezisemthethweni. Emnye kuzo urhola umvuzo wonyaka ofikelele kuR1,239,917. Ukanti Inkokheli zemveli ezinamava zona zamkele imali efikelele kuR279,070 ngonyaka ngelixa  iinkosi zelali zirhola iR119.911 ngonyaka. 

Umfanekiso ongasentla: Ingxoxo mpikiswano yendluyenkosi zemveli zikazwelonke

Imvelaphi yomfanekiso: Flickr