
Ngu Anita Dangazele
Emva kokulinda iminyaka elishumi elinesihlanu, abantu abadala abangamakhulu amabini namashumi asixhenxe kummandla waseNelson Mandela Bay bafumene izitshixo zezindlu zabo okukuqala ngoLwesine.
Kutyelelo lwakhe lwesibini kummandla waseNelson Mandela Bay, umphathiswa wesebe lozinziso loluntu uMamoloko Kubayi kunye nesekela lwakhe uPam Tshwethe banikezele ngezindlu ezingamashumi amahlanu eKariega ePolar Park kwilokishi yaKwaLanga kunye nezindlu ezingamakhulu amabini anamashumi amabini kwilokishi yaseNew Brighton eGqeberha.
Inkondekazi enguMama uNomathamsanqa oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu kunye nomyeni wakhe uSipho Qoyi oneminyaka engamshumi asixhenxe anesixhenxe, babe ngabokuqala ukufumama isitshixo sendlu yabo entsha ePolar Park, KwaLanga.
“Oko sijikeleza sihamba sihlala nezizalwane kwindawo ezohlukeneyo iminyaka emininzi. Sonwabe kakhulu kuba side safumana ikhaya elilelethu, andikwazi nokuchaza indlela esonwabe ngayo,” utshilo uQoyi.
Abantu besibini ukufumana indlu ibe nguTembisa Matyhu oneminyaka engamshumi amathathu anesixhenxe, okhathalela umama wakhe oneminyaka engamashumi asixhenxe ananye, osele enesifo sokulibala.
“Ngoku amdala kangaka, umama zange wabanendlu eyeyakhe. Oku kundivisa kabuhlungu kuba umama akekho kwimeko yengqondo ezinzileyo ukuba azibonele olusuku.
“Oko sihlala kwityotyombe elivuzayo xa kunetha iminyaka elishumi elinesihlanu, kodwa namhlanje imeko yethi itshintshe yangcono kakhulu,” Utshilo uThembisa zizehlela iinyembezi zolonwabo.
Ukunikezelwa kwezizindlu kulandela utyelelo lwenyanga kaCanzibe ngonyaka ka2022 olungazange lube luhle kwaphela.
Umasipala iNMBM wakwazi ukwakha izindlu ezingamashumi amabini anesibhozo kuphela ngonyaka mali ka2021/2022, nto leyo yabangela ukuba imali efikelele kuR150 million iphindiselwe kunongxowa kaZwelonke.
“Njengoko nisazi ukuba, kutyelelo lwam kumasipala iNelson Mandela Bay ndaphoxeka kakhulu. Ndafumanisa ukuba lomasipala unezindlu ezingamashumi asibhozo amawaka ezindlu ezingekakhiwa. Ndatsho ukuba asinokwazi ukusebenza ngezinga ekwakusetyenzwa ngalo,” utshilo uKubayi.
“Okwesibini, ndamilisela iqumrhu lewar room elizakuncedisa ukukhawulezisa inkqubo yokwakhiwa kwezindlu, kwaye manditsho ukuba ndonwabe kakhulu yindlela ekusetyenzwe ngayo, endiyibonileyo namhlanje.”
Isebe likazwelonke lozinziso loluntu belike lagrogrisa ngokuyibamba, lingayikhuphi imali ebekelwa ukwakhiwa kwendawo zamatyotyombe ngenxa yendlela esetyenziswa ngayo imali.
Ilungu lesigqeba sebhunga lomasipala iNMBM elijongene nozinziso loluntu uThukela Zumani uthe lomasipala uzakube akhe izindlu ezingamakhulu asibhozo namashumi amathandathu anesixhenxe, xa kuphela unyaka mali ka2022/23 ngenyanga yeKhala.
Umfanekiso ongasentla: Unikezelo lwenye yezindlu eNelson Mandela Bay
Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele