
Ngu Buziwe Nocuze
Njengoko iya isenyukela imbambano phakathi kwekomiti entsha nendala kwingingqi yamatyotyombe eyavulwa ngexesha leCovid-19, iCovid eKapa, abahlali baziva bengamaxhoba kulembambano.
ULuthando Mcuntula, olitshantliziyo elizinikeleyo ukulwela amalungelo abantu abahlala ematyotyombeni kulommandla. Ungomnye wabantu abaphambile kulembambano.
Ngokutsho kukaMcuntula, ikomiti endala ayifuni kunikezela ngolawulo kwikomiti entsha, ekuyikomoti ayonxalenye yayo kwaye eyazibophelela ukuzisa utshintsho nokuphucula inkonzo eziziswa kubahlali balommandla.
Ngenyanga yoMqungu wafumana umnxeba omxelela ukuba ityotyombe lakhe, liyatshatyalaliswa ngabantu ekutyholwa ukuba baphenjelelwe ngamalungu ekomiti endala.
“Ndathi xa ndifika, abantu babe besonakalisa ityotyombe lam. Babaleka ngokukhawuleza emva kokuba bendibonile,” utshilo.
Ngokuhlwa kwangolosuku, inkokheli kunye namanye amalungu asekuhlaleni afika azotshisa ityotypombe lam
Ekugqibeleni, ngeCawa umhla weshumi elinesibini, iinkikheli ezine zibanjiwe ngokunxulumene nesiganeko sokutshiswa kwetyotyombe lika Mcuntula.
Ukubotshwa kwabarhanelwa kube ngathi kugalelwa ityuwa kwinxeba, kuba imbambano ibihleli inkulu phakathi kwekomiti entsha nekomiti endala.
UZusiphe Mkhwenkwe, ongomnye wenkokheli zasekuhlaleni ebezibotshiwe, ukuphikile ukubandakanyeka kwiyelenqe lokutshiswa kwaye uquvakalise ukothuka ngokuba ngumtyholwa.
“Ukuchitha ubusuku eziseleni, ibe yeyonanto yoyikisa nangakumbi endingazange ndahlangabezana nayo ebomini bam,” utshilo uMakhwenkwe.
UBusisiwe Mdletye ongomnye wenkokheli zasekuhlaleni utyhole uMcuntula ngokuba nobundlobongela, nokugxotha abantu ekuhlaleni.
“Sasihleli siwulwela lomhlaba engekafiki njengoko efike apha ngo2021. Wakhethwa kuba abahlali babecinga ukuba uzakubaseebenzela, kodwa emva kwexesha bafumanisa ukuba akazenzi ngendlela efanelekileyo.
Nangona ephika amalungu ekomtiti endala, uMcuntula umile kwelokuba ngabo ababangele ukuba kutshe kwityotyombe lakhe.
“Ndingakwazi ukulicima ityala ukuba bangandakhela ngokutsha ityotyombe lam kwaye babuyise iimpahla zam,” utshilo uMcuntu.
Isithethi samapolisa kwiphondo lentshTshona Kapa ULieutenant Colonel Malcom Pojie uqinisekisile ukuba abarhanelwa abaneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesibini ukuya kumashumi amane anesihlalu, bebebanjiwe ngokunxuliumene nokonakaliswa kwetyetyombe elalisitsha ngenyanga yoMqungu.
“Esisine besibekwa ityala lokutshisa kwaye besivele phambi kwenkundla,
Noxa kunjalo uPojie uthe elityala lichithiwe okwexeshana ngakwesisine, kwaye bakhululiwe njengoko kusaqhuba uphando’
Umfanekiso ongasentla: ULuthando Mcuntula eme kufutshane nentsalela zetyotyombe lakhe elitshileyo.
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze