
Ixesha elongezelelweyo: Ingxaki yokusela utywala ngokugqithisileyo kubadlali bebhola ekhatywayo kwilizwe loMzantsi Afrika kudala yabakhona kwaye yeyona nto iboyisayo, kubhala uMicheal Madyirha.
Kutsha nje, kuvele izityholo malunga nabadlali ababini beqela iMamelodi Sundowns abafike benxilile kwibala loqeqesho lwabo eChloorkop training HQ.
Ababadlali bobabini baphantsi komanejala omnye oye wangqina ukuba kubekhona ingxaki ekhoyo. Ngelixa umqeqeshi uRhulani Mokwena engakhange azibophelele malunga nalemiba, kodwa uzibophelele ukuba uzakubakhusela bobabini.
Lemiba ithande ukuphazamisa uzinzo kumagumbi abadlali kwaye omnye wababadlali uphele eyeka ukuqeqesha neliqela.
Inani elixhomisa amehlo labadlali kunye nabo babengabadlali bebhola, baphumela elubala bechaza indlela ebuhlungu abaphulukana ngayo nento abayisebenzela nzima ngenxa yokusela utywala ngokugqithisileyo kunye nokuthandana namaqabane amaninzi.
Abanye babo bachaza ngendlela ezaphelela emoyeni ngayo iitalente zabo ezazikhangeleka ziqaqambile ngenxa yokusela nokuhamba iziyunguma zolonwabo ubusuku bonke.
Ngaphambi kokuba kuqale lesizini iqhubayo, lowo wayengumdlali weKaizer Chiefs uDaniel Cardoso kunye no Leonardo Castro bachaze indlela awayefika enxile ngayo kuqeqesho lwabo amanye amalungu eqela labo.
Oku kubonakalisa iingxaki ezikhoyo eNaturena.
Ukanti iqela ngokunokwalo, liyayichaza indlela elizame ngayo ukunceda umdlali lamsa erehab, lamfumanela noluleko lwengqondo emva kokuba “wanqunyanyiswa izihlandlo eziliqela, kuquka ukunqunyanyiswa kabini ngesizini enye”.
Kwiminyaka elishumi elinanye edlulileyo, ndikhumbula ndidibana nomdlali owayedlalela iChiefs kwindawo yolonwabo lwasebusuku.
Wayezincoma kubahlobo bakhe indlela akwazi ngayo ukuqhubeka ephila ubomi bolonwabo lwasebusuku, nangona ezophinde avuke kwakusasa emva kokulala iiyure ezimbalwa, anyanzeleke ukuba makaqabule ibhiya noba inye ukunesa ibhabhalaza kodwa abe ngowokuqala ukufika kumabala oqeqesho lwabo.
Waqhuba ezingca kuba uphinde ebe ngoyena mdlali udlala kakhulu kuqeqesho lwabo.
Eyonanto icacileyo kukuba wayezama ukuthi utywala, yenye yezinto ezinika amandla umzimba wakhe.
Lomdlali sithetha ngaye usadlala kwaye ufaka amanqaku kumazwe aphesheya kolwandle.
Le ayiyongxaki nje yelizwe loMzantsi Afrika. Ingxelo zangoMvulo ezisuka eFrance zivakalise ukuba umdlali weParis Saint-Germain ufike kumabala oqeqesho eqhuba amatakane.
Kodwa iyingxaki enkulu kunxweme lwethu kwaye kukhangeleka ngathi akukho sisombululo kwingxaki yokuselwa ngokugqithisileyo kotywala.
Ngaphandle kwamathandabuzo, uxanduva luqala kumdlali. Kodwa umbuzo umile: singenza njani ukufumana inkqubo yenkxaso ezakuba sisisombululo kulengxaki ngaphambi kokuba silahlekelwe ngabadlali abongezelelweyo abanezakhono?
Umfanekiso ongasentla: Kuselwa utywala ngethuba kubukelwe umdlalo