Iqumrhu leetaxi lithathe uxanduva lokuvala imingxuma ezindleleni 

Ngu Everson Luhanga

Ngamanye amaxesha kuhambo lwakho ngetaxi eMzantsi Afrika, uzakuva umqhubi esithi: “Asiqhubi kakubi – yimingxuma endleleni esenza sikhangeleke singabantu abaqhuba kakubi!” 

Abaqhubi beetaxi kwiphondo laseRhawutini banomsindo kukuqhuba kwiindlela ezimbi, kwaye bakruqukile kukulindela urhulumente ukuba azilungise – ngoku bazilungisela ngokwabo iindlela. 

Usihlalo wequmrhu leetaxi zaseAlberton iGreayer Alberton Taxi Association (Gata) uSmut Matterson uthe, abanikazi bezithuthi zika wonke wonke kunye nabaqhubi kummandla wakhe, kufuphi naseJohannesburg baluthathele kubo uxanduva lokulungisa imingxuma endleleni. 

Igama lephulo lalo lithi: Vala Amapothole. 

Uthe abaqhubi baseAlberton kudala bezizisulu zoonqevu ngenxa yokuba abakwazi kuqhuba ngesantya esiphezulu kuba bazama ukuphepha imingxuma esendleleni. 

Omnye wabahlobo bakhe asondelelene kakhulu naye, wakhuthuzwa emva kokuba angene emngxunyeni esendleleni, owathi wonzakalisa ivili lemoto yakhe kwisithuba seveki ezintathu ezidlulileyo. 

“Wathi ezama ukutshintsha ivili lemoto, ootsotsi bamfikela. Bathatha zonke izinto ezibalulekileyo kuquka nezitixo zemoto leyo.”

UMatterson uthe abaqhubi baqhuba ngathi basele utywala. “Siqhuba uzig zag. Ngamanye amaxesha sinyanzeleka siqhube kwicala leemoto eziza ngakuthi, nto leyo inobungozi obukhulu kwabanye abasebenzisi bendlela. Kodwa asinayo enye indlela esonokwenza ngayo.”

UEmmanuel Maleka ongumnikazi wetaxi aphinde abe sisithethi sequmrhu iGata uthe, eliqumrhu kunye nabanye abaqhubi baye badibana, bakhulisa ingxowa mali kwaye bavumelana ukuba bazolungisa iindlela besebenzisa udaka lweconcrete. 

Ngolwesibini bathenge umxube weConcrete osele wenziwe, bavala imingxuma kwindlela iYende ne Peterson Streets ePhola Park kunye nase Eden Park, kwisixeko sas’Ekurhuleni. 

“Singabantu abangamashumi amathathu, songezeleleka nangabanye abantu abanamashishini abamgamaxhoba alemingxuma imikhulu kangaka kwezizitalato,” utshilo. 

Amadoda anxibe izinto ezigqamileyo avale imingxuma engamashumi amane, ngelixa kanye besenza lomsebenzi ngexesha lika xakeka ezindleleni. 

“Uninzi lwabaqhubi belonwabile kukubona abaqhubi beetaxi besenza umsebenzi ebekufanele wenziwa ngurhulumente,” utshilo uMaleka.

UMaleka uthe, bamncamile urhulumente, ingakumbi njengoko kusebenza ulawulo lwamaqela ezopolitiko adibeneyo kwesisixeko. “Iinkokheli kwezopolitiko zidlala umdlalo wokukhombana esweni xa kufikwa kumba wokusombulula iingxaki ezikhoyo.”

Uthe bazakuqhubeka belungisa nakwezinye iindlela apho iqumrhu labo lisebenza khona, kwaye bazakuqinisekisa ukuba abangomaxhoba okungasebenzi ngendlela kukarhulumente.