
Ngu Songeziwe Mapukata
Xa kusilwa iindlovu kukhuthuka nengca. Le yintetho yeminyaka engamakhulu eyadlulayo esetyenziswa ngabantu baseKenya, ababizwa ngeKikuyu, ethetha ukuba xa kusilwa izilwanyana ezinkulu ezincinane ziyalimala.
Oku, kwenzeka kwisikolo samabanga aphakamileyo iSt Johns College, isikolo esinendumasi kwidolophu yaseMthatha, apho kuqhambuke izityholo zokubethwa kweetitshala baso okubangele ilahleko ngakubafundi. Kwaye oku kubonakala ngokuhla komgangatho weziphumo.
Emva kwesityholo sokubetha esabekwa ngutitshala kwilungu lesigqeba esilawulayo kwesisikolo (SGB), kuvele ukuba nenqununu yesikolo ijamelene netyala lokubetha.
Esisikolo sasekwa ngonyaka ka1879, saziwa ngokuvelisa iziphumo eziphuma phambili zebanga leshumi kwizifundo eziquka izibalo nezenzululwazi, kodwa umgangatho uya usihla kuleminyaka imbalwa idlulileyo.
Isidima sesikolo sonakele ngenxa yamabali okulwa kwesisikolo. Ititshala yavula ityala lokubetha ngakwilungu leSGB emva kokuqhambuka komlo, kwintlanganiso eyayitshisa ibanjelwe kwesisikolo ngenyanga yoMdumba.
Kuyo yonke lengxwaba ngxwaba yenzeka kwesisikolo, abafundi bebanga leshumi abanabo ootitshala bezifundo ezingundoqo eziquka izibalo, inzululwazi kunye nezifundo sayensi yobomi. Ootitshala kwezizifundo banqunyanyiswa, ngaphambi kokuba kubhalwe imvavanyo zokuqala enyakeni.
Kwangaphambi kokuba iziganeko zokubetha zibangele ingxaki kwesisikolo, besihleli sibonakala ukuba umgangatho waso uya usehla ngokuhla. Ngonyaka ka2020 esisikolo safumana umyinge ka82% kwiziphumo zebanga leshumi, kunye no91% ngo 2021. Emvakoko umgamgatho uvele wehla kakhulu kunyaka ophelileyo ngo2022 wayakutsho ku77%. Ukanti inkxalabo yeyokuba iziphumo kungenzeka zibephantsi nangakumbi kulonyaka.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lityelele esisikolo ngoLwesithathu, inqununu ibingekho. Kutyholwa ngelithi ibonwe iphuma ngokukhawuleza kuba amapolisa ebesendleleni ezokumbambela ukubetha.
Ootitshala abakhathazekileyo kwesisikolo, bathethe neqonga leendaba iScrolla.Africa becela ukuba bangadizwa, bathe inqununu yesikolo yiyo ebangela kungabikho zinzo kwesisikolo.
“Isakhono sakhe sobunkokheli sisebenza ngokukhetha ootitshala abathile abathandwayo,” itshilo letitshala.
“Ootitshala abaxele imeko egqubayo kwesisikolo, ngabo abangamaxhoba.”
“Saqalisa ukukhathazeka yindlela esasikhokhelwe ngayo esisikolo ngo2020, ngethuba lokuqhambuka kwentsholongwane yeCovid-19. Inqununu kunye nesigqeba sakhe seSGB benza isigqibo sokuvala zoonke inkqubo zesikolo ezazilungiselelwe ukuphucula umgangatho weziphumo zabantwana,” itshilo le titshala.
Ngonyaka ka2021 uthe babekhathazwa kukungafumani nkxaso kubaphathi besikolo, njengoko babefundisa zingekabuyiselwa iinkqubo ezibalulekileyo zokuncedisana babafundi.
“Kwela xesha, abafundi baqalisa bazibandakanya kwimigibe yokusela utywala,” ichazile le titshala.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa khange likwazi ukufumana inkcazelo kwinqununu yesikolo njengoko kuphinde kwavela elinye ityala lokubetha ngakuye.
Isithethi sesebe lezemfundo khange siphendule kwiqonga leendaba iScrolla.Africa njengoko belicele uluvo lwaso malunga nento eqhubeka kwesisikolo.
Umfanekiso ongasentla: Isikolo esasihamba emagqabini eMthatha
Imvelaphi yomfanekiso: NguSongeziwe Mapukata