
Ngu Everson Luhanga
Uninzi lwamantombazana afunda ibanga lesixhenxe ukuyotsho kwibanga leshumi, afike esikolweni samabanga aphakamileyo iZitikeni secondary ngoMvulo nangoLwesibini axelelwa ukuba mawakhethe: Ukucheba ifibre abayisebenzisileyo kwinwele zabo okanye bagoduke.
Abanye abafundi banyanzeleke ukuba bachebe iinwele zabo ngaphakathi kumasango esikolo ukuze bakwazi ukwamkelwa kumagumbi okufundela.
Abanye balile, betyhola abafundisi ntsapho besisikolo ngokuba nomona ngeenwele zabo ezintle!
Noxa kunjalo, esisikolo sithe asizubamkela ababafundi de babe “bazilungisile” iinwele zabo.
Ingxaki ivuke yabankulu ngethuba abanye abafundi abebegcwele ngaphandle kwesango lesikolo besithi abagoduki kwaye abazuzicheba iinwele zabo, side sibe siyabavulela bangene isikolo.
Omnye wababafundi uThelma Holololo uthe, umgaqo nkqubo wesikolo awuthethi nto ngendlela yokunxiba kunye nendlela emazibe ngayo iinwele. “Ayamkelekanga into yokuba ootitshala basivalele ngaphandle kwesikolo ngaphandle kwesilumkiso,” utshilo uThelma.
UThelma uthe abantwana abangamakhwenkwe kwesisikolo abaphathwa ngendlela efanayo, kuba bavumelekile ukuba beze esikolweni nayo neyiphina intlobo yokucheba inwele zabo, kodwa bayavunyelwa bangene kumagumbi okufunda. “Kuba isithi mantombazane, yingxaki kubo lonto,” utshilo,
Abazali bohluka hlukene ngokwezimvo malunga nalemeko. Abanye bathi abanobavumela abantwana babo baye esikolweni befakele ifibre ezintlokweni zabo, ngelixa abanye besithi bayabayeka abantwana benze into abayithandayo.
Kodwa owona mbuzo ufuna impendulo kukuba isikolo sona sivumela ntoni kumabala aso, nokuba abazali babexelelwe kusini na ngemigaqo nkqubo ngaphambi kokuba kwehle iziganeko eziloluhlobo.
Abanye abantu bafanisa esisiganeko nesake senzeka ngonyaka ka2016 ePretoria Girls High School apho abantwana abamnyama baxelelwa ukuba mabolule iinwele zabo. Lengxoxo yaphela isiba yingxoxo yobuhlanga.
Omnye wabafundi owayefunda kwesisikolo ozibize ngoKekana uthe, umthetho wesisikolo ubuhleli kwakudala ungabavumeli abafundi ukuba bafakele. “Ndandingumfundi kwesisikolo, kwaye ngexesha lethu ootitshala babengasivumeli silungise inwele zethu ngendlela abafundi bangoku abazilungisa ngayo.”
Amagosa esikolo khange ayinikwe imvume yokuba bathethe namaqonga eendaba.
Umfanekiso ongasentla: Inwele ebezifakelwe ngumfundi entloko, zihleli phantsi kumasango esikolo emva kokuba ezichebile
Imvelaphi yomfanekiso: NguMfanelo Dzanibe