Umongameli uCyril Ramaphosa usaqhuba izithembiso zonyaka ka1994 

Ngu Zukile Majova

Zonke iinkokheli kwezopolitiko zifuna ukufumana isabelo sazo kwiivoti zolutsha – kodwa izithembiso zokuvota azikatshintshi, zisafana ncam nezeminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo. 

Ngomhla weshumi elinesihlanu ngenyanga yoKwindla ngonyaka ka1994, kwiveki nje ezintandathu ngaphambi kokuba abemi boMzantsi Afrika bathathe inxaxheba kuvoto lokuqala olukhululekileyo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe, ongasekhoyo utata uNelson Mandela wadakanca iqela lezithembiso malunga nekamva lelizwe loMzantsi Afrika. 

Ngeloxesha, isithembiso samanzi acocekileyo okusela kwikhaya ngalinye yayi sisithembiso esikhulu eso. 

Kwaye nesithembiso sokunikezelwa kombane othembakeleyo kumakhaya abucala, ngexesha apho iidolophu kunye neelali zazisebumnyameni kungaziwa nto ngombane yayiyinto enkulu. 

Ezinye izithembiso zaziquka ukubuyiselwa kwesidima sabantu ngokunikezelwa kwemisebenzi, izindlu zangasese ezisemgangathweni kubantu abahlelelekileyo kunye nokwakhelwa izindlu zasimahla zaziyinxalenye yolwakhiwo olutsha kunye nenkqubo yakhe yophuhliso. 

Kwiminyaka esondele kumashumi amathathu kwaqaliswa ezizithembiso, uMongameli wombutho weANC uCyril Ramaphosa wenze ilinge lokuqala lokugaya iivoti kwiphondo laKwaZulu-Natal ngenyanga yoKwindla kunyaka ka2023, esebenzisa izithembiso ezifanayo nezika Madiba. 

“Ubukho bethu apha bumalunga nokuhlangabezana nemiceli mingeni ejamalene nabantu bethu, efana namanzi kunye nentswela ngqesho. Esi sisiqalo sephulo lethu lokugaya iivoti. Oku kuthetha ukuba asizuphinde sihlale phantsi iphulo lethu lokugaya iivoti liqalile.” 

Uthembise ngonikezelo lombane oluzinzileyo, nekunokuthenjelwa kulo, ekunye nomphathiswa wezombane uKgosientsho Ramakgopa oqeshelwe ukunciphisa inkqubo kacimi-cimi wombane. 

Ikomishoni ezimeleyo yolonyulo (i-IEC) ikwiphulo lokubhalisa abavoti, kwaye ithi sele ibhalise abantu abatsha abaneminyaka elishumi elinesithandathu ukuya kumashumi amabini anethoba, abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe namakhulu aluthoba amawaka. 

Ukanti uphando olwenziwa ikota Nekota lwabasebenzi, lubonakalisa ukuba intswelangqesho yolutsha ngowona mceli mngeni uhamba phambili ojamelene nolutsha loMzantsi Afrika kulemihla. 

Luthi intswela ngqesho kulutsha oluneminyaka ephakathi kweshumi elinesihlanu ukuya kumashumi amabini anesine ime kumyinge ka63,9% ngelixa kwabaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesine ime kumyinge ka42,1%. 

URamaphosa uthembise ukuqhuba nokunikezela ngesibonelelo sabantu abangasebenziyo samakhulu amathathu anamashumi amahlanu eeRandi, esaqaliswa njengenxalenye yokuhlangabezana nobhubhane weCovid-19. 

Azikabikho izicwangcwiso ezicacileyo zokusetyenziswa kwecandelo lezobuchwepheshe eliqulethe izigidi zeerandi, elinokusetyenziswa ukuvula amathuba emisebenzi kulutsha lweli olungaphangeliyo. 

Yimali ephakathi kweR500 billion ne R1 trillion elindeleke ukuba ityalwe kwicandelo lezamandla kweli kwiminyaka embalwa ezayo, kodwa akukho zicwangciso zicacileyo zokuba abantu abatsha bazakuxhamla njani kulenkqubo intsha yegolide. 

Umbutho weANC ukwaze ukufumana ivoti ezingu myinge ka 41.5% kuphela kwiphondo laseKZN kulonyulo loorhulumente basemakhaya lonyaka ka 2021. Ukuvuka kombutho weIFP kwelaphondo kwenze ukuba lombutho uphathe kooMasipala abangamashumi amabini anethoba, kwanciphisa ulawulo lombutho weANC kumasipala was’Ethekwini lwabangaphantsi komyinge ka 50%. 

Umbutho kaRamaphosa usemngciphekweni wokwahluleka ukufumana impumelelo esemagqabini eKZN naseRhawutini apho yafumana umyinga ka50,09% yeevoti kulonyulo lonyaka ka2019. 

Umfanekiso ongasentla: Cyril Ramaphosa

Imvelaphi yomfanekiso: @PresidencyZA