
Ngu Zukile Majova
Inkokheli yombutho weEconomic Freedom Fighters uJulius Malema umemelela abalandeli bakhe ukuba balungele ukuqubisana nobundlobongela ngobunye ubundlobongela ngomhla wamashumi amabini kule nyanga yoKwindla njengoko kucwangciswe ugwayimbo lukazwelonke.
Kungoku nje lombutho ngowona umkhulu ngokwezopolitiko kwilizwe loMzantsi Afrika ngokwamalungu ahlawulela ubulungu bawo, kwaye unamalungu angaphezu kwesigidi. Kodwa unezihlalo ezikumyinge weshumi kuphela kwindlu yowiso mthetho yeli.
Umalema ubanga ngelithi umyinge wamashumi amathathu ukuya kumashumi amane amapolisa eli, ngamalungu ombutho wakhe, kwaye baxela kuye zonke izicwangciso zomkomishinala wamapolisa kazwelonke uNjengele Fannie Masemola.
Uthe ufumene iingxelo zokuba uMasemola uceba izenzo zokuhlasela amalungu ombutho weEFF kwaye ezizicwangciso ezingahambisaniyo nengcebiso zomphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele.
“Umphathiswa umlumkisile uMasemola ukuba angathathi manyathelo arhabaxa ngaku baqhankqalazi,” utshilo.
UMalema umemelela abaxhasi bakhe ukuba balungele ukuzikhusela nakoluphina uhlobo lobundlobongela abanokudibana nalo, kuzo zonke iinkalo zeli.
“Maqabane nizikhusele. Nabani na ongonqeniyo ukudubula, nani zenenze lonto ayenzayo ngophindwe kabini,” utshilo.
Inkokheli yombutho weDA uJohn Steenhuisen utyhola umbutho weEFF ngokuthumela imbalelwano ezibonakalisa ukudelela kubaphathi bendawo ezino dederhu lweevenkile kunye namashishini.
Kodwa uMalema uthi injongo yembalelwano kunye nengxoxo ezikhoyo phakathi kwabo nekhokheli kwezoshishino zenzelwe ukunqanda ukutyhuthulwa kwamashishini kunye nokonakaliswa kwezakhiwo zabucala.
“Asifuni kutyhuthulwe. Kodwa niyayazi ukuba iivenkile xa zivuliwe abantu bayathanda ukusebenzisa ithuba benze izinto ezingahambisaniyo nomthetho. Imbalelwano esizithumelayo azixeleli bantu ukuba mabavale amashishini abo,” uxelele oonondaba kwinkomfa yonondaba ebibanjelwe kundlunkulu weEFF eWinnie Madikizela-Mandela House eJohannesburg.
“Sibazisa ukuba kuzakube kukhona uqhankqalazo ngolwasuku ukwenzela bazilungiselele.”
Ubaqinisekisile abemi beli ukuba iinkonzo ezingundoqo ezifana nenkonzo yesipolisa, abasebenzi besebe lezempilo kunye nabanye bazakuvunyelwa baye emisebenzini.
NgoLwesithathu inkokheli yeEFF kulindeleke ukuba idibane neenkokheli zeSantaco, ekuliqumrhu elongamele ucandelo lezithuthi zika wonke wonke.
“Yintlanganiso elungiselelwe ukubazisa ukuba kuzakubakhona abaqhankqalazi ezindleleni, kwaye iitaxi kufuneka zibonakalise ukuwuhlonipha lomngcelele,” utshilo.
“Akufanelekanga kubekhona ukungavisisani phakathi kwethu necandelo lezithuthi zika wonke wonke kuba singabantu abakwisigaba esinye ngokokuphila.”
Lombutho sele udibene nabathathi nxaxheba abohlukeneyo kuquka usihlalo wePremier Soccer League kunye namaqumrhu karhulumente afana noTransnet, ukuba zithathe ikhefu ukuhambisa amafutha ezithuthi ngolwasuku.
Umfanekiso ongasentla: NguJulius Malema
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter