Owasetyhini uncame umsebenzi ngenxa yokunyanzeliswa intlawulo yokhuseleko

Ngu Buziwe Nocuze

Umama wabantwana abahlanu obephila ngokuthengisa amanqina enkukhu unyanzeleke ukuba alivale ishishini lakhe, emva kokufumana isigrogriso kumadoda amane ebenyanzelisa intlawulo yokhuseleko. 

Imali yentlawulo yimali enyanzeliswa ngoonqevu beyifuna kosomashishini kuba besithi “bazakubakhusela” – kodwa olukhuselo liyelenqe nje lokufumana imali. 

Lo wasetyhini uneminyaka engamashumi amane anesihlanu waqala ukuthengisa amanqina enkukhu kwiminyaka emithathu edlulileyo ngenxa yokunqongophala kwamathuba omsebenzi. Waziva ediniwe kukucela amalizo ebantwini, wagqiba kwelokuba athathe imadlana awayeyifumana ngokuhlamba iimpahla athenge amanqina enkukhu. Waqalisa ukuthengisa amanqina ecaleni kwendlela eLower Crossroads, ePhilipi East eKapa. 

Kodwa ngoLwesihlanu odlulileyo, amadoda ebemane amtyelela amxelela ukuba makawahlawule amakhulu amathathu eeRandi ngenyanga ukuze amakhusele. 

“Bafuna ndihlawule amakhulu amathathu eeRandi rhoqo ngomhla weshumi elinesihlanu inyanga nenyanga. Ndibaxelele ukuba kunzima ukuba ndenze imali engako ngokuthengisa amanqina enkukhu, kodwa abakhathali. Bafuna imali qha kuphela,” utshilo. 

Nangona abachazele ukuba ungumama ozamela ukondla abantwana bakhe eyedwa, lamadoda amxelele ukuba makaqinisekise ukuba unayo lemali, okanye ayeke kwaphela ukuthengisa.  

“Bandibuzile ukuba ndinayo kusini na imali endiyibeka bucala ndilungiselela iintsuku zika xakeka, kwaye bandicebisa ukuba ndisebenzise lomali ukubahlawula, ukuze ndikhuseleke,” utshilo. 

Ngelishwa, nguye kuphela onyanzeleke ukuba ayeke ishishini lakhe ngenxa yokuhlawuliswa imali yokukhuselwa. 

“Benza lento bayenze kum nakumhlobo wam othengisa imifuno, kodwa zange ndicinge ukuba bangafuna imali nakumntu othengisa amanqina enkukhu,” utshilo. 

Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Kapa uLieutenant Colonel Malcolm Pojie uthe ushishino olunengeniso lokunyanzelisa intlawulo alwamkelenga kuba lulwaphulo mthetho olubangela ukuba ubani agwetywe kwinkundla zamatyala. 

“Sicebisa amaxhoba ezizenzo axele iziganeko ezinjalo kwizikhululo zamapolisa zasekuhlaleni, ngokukhawuleza, bangalindi kuhambe ixesha,” utshilo uPojie.

Umfanekiso ongasentla: Owasetyhini waseKapa unyanzeliswa ukuba ayeke ukuthengisa amanqina enkukhu emva kokuba amadoda amane enyanzelise intlawulo yamakhulu amathathu eeRandi yokumkhusela.

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze