
Ngu Karabo Rammutla
Ibisele iphelelwe ngamathemba enkululeko indoda ibiqhuba imoto ebiweyo,kodwa endaweni yoko yafumana uncedo kumapolisa ezendlela emva kokuba ifelwe sesisithuthi kuhola wendlela eBronkhorstspruit.
Lo tsotsi khange ayikholelwe intlahla abenayo ngethuba amapolisa amabini ezinikela ukumnceda atyhale imoto yakhe iye kufika edolophini.
Amapolisa kamasipala waseTshwane (iTMPD) ebesenza ugqogqo lwawo lwantsukuzonke ngokuhlwa kwangeCawa ngethuba bebona lendoda ixinge kwindlela uR25.
Ukubonakalisa ubuntu, kunye nokusindisa umqhubi ukuba angabilelinye ixhoba lolwaphulo mthetho, lamapolisa asondele kulendoda ayibuza ukuba ayidingi ncedo na.
Umqhubi, ezama ngako konke ukuba akhangeleke engoyiki, uwaxelele ukuba imoto yakhe isuke yafa.
Ngoko msebenzi wabo, wokukhusela uluntu, lamapolisa aqalise ukutyhala lemoto eyibuyisela edolophini.
Kuthe kusenjalo, esatyhala esisithuthi, afumana umyalezo kwimfono mfono yomsebenzi ukuba akhangele isithuthi esichazwe njengesibiweyo ngoMgqibelo.
Inkcazelo yemoto efunwayo, ifane ncam neyemoto ebebeyityhala beyibuyisela edolophini.
Isithethi secandelo amapolisa kamasipala waseTshwane iTMPD uSuperintendent Isaac Mahamba uthe, athe akufumanisa lamapolisa ukuba uhlobo lwemoto iChevrolet Spark ixelwe njengeyebiweyo, zajika izinto.
Le ndoda ibanjwe ngoko nangoko.
“Umqhubi ubanjwe ngoko nangoko, ngokufunyaniswa nesithuthi esibiweyo,” utshilo.
Umrhanelwa ulindelele ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi eBronkhorstspruit ngokukhawuleza.
Abasebenzisi bamakhasi ezonxibelelwano, bawaqhwabele izandla lamapolisa, abe esenza intlekisa ngomrhanelwa lo, emva kokuba esisiganeko sipapashwe kumakhasi ezonxibelelwano.
Umfanekiso ongasentla: Amapolisa aseTMPD ancedise uqhubi obefelwe sisithuthi endleleni, kanti sisithuthi esebiweyo
Imvelaphi yomfanekiso: TMPD