
Ngu Zukile Majova
Umongameli uCyril Ramaphosa uvumile ukuba isigqeba sePalamente esinabaphathiswa abangamashumi amathathu kunye noosekela baphathiswa abangamashumi amathathu anesithandathu sikhulu kakhulu.
Wathembisa ukuba uzakusinciphisa ngonyaka ka2019.
Kodwa kwiveki ephelileyo wongenze abaphathiswa ababini, owombane kunye nojongene nokuhlola, ukucwangcisa kunye nokuvavanya iiprojekthi zika rhulumente.
Esiskhundla sinikwe usekela nobhala wesibini wombutho weANC uMaropene Ramakgopa, owavulelwa isikhundla sika sekela nobhala wesibini kulombutho kwinkomfa yonyulo ebibanjwe ngeyoMnga kunyaka ophelileyo.
Abachasi bakaRamaphosa batyhola ngelithi umongameli usebenzisa ingxowa yombuso weli, ukususa uxanduva lokuhlawula imivuzo kumbutho weANC.
Abaphathiswa kwilizwe loMzantsi Afrika noosekela babo barhola imali eqikelelwa kwiR2.6 yezigidi ngonyaka, kunye namanye amaqithi qithi ahamba nemisebenzi yabo afikelele kumakhulu asibhozo amawaka eeRandi, bafumane abasebenzi ababancedisayo abalishumi elinesihlanu kwaye abawubhataleli umbane, amanzi okanye iindleko zeenkonzo zoomasipala.
Inkokheli yombutho ophikisayo uJohn Steenhuisen uthi kumbuso kaRamaphosa kukhona oosekela baphathiswa abaninzi kunexesha lombuso kaJacob Zuma “wenkcitha xesha yeminyaka elithoba”.
URamaphosa kwelakhe icala uqhula ngelithi, abachasi bakhe bacutha ingxoxo ebalulekileyo bayilinganise nokubalwa kweentloko.
“Abanye babanga ngelithi ukuncitshiswa kwenani labaphathiswa yinto entle kwaye ukwandiswa kwalo yinto embi,” utshilo kwincwadi yakhe yeveki ephuma kwidesika kaMongameli.
Wathi ukufika kwakhe kule ofisi uRamaphosa, wanciphisa inani labaphathiswa laya kumashumi amabini anesibhozo, lisuka kumashumi amathathu anesine, kwaye wathembisa ukuba uzakulinciphisa nangakumbi.
Kodwa indlela asebenza ngayo ikhangeleka engaqinisekanga ngayo.
Wadibanisa umsebenzi wesebe lozinziso loluntu kunye nowesebe lezamanzi nococeko ngonyaka ka2019. Kodwa ngo2021 wathi “umceli mngeni wokunqongophala kwamanzi kweli” kunyanzelise ukuba awohlule lamasebe.
“Ngonyaka ka2019 wadibanisa amasebe aliqela. Umzekelo isebe Lezorhwebo nezoshishino ladibana nesebe lophuhliso loqoqosho, Isebe lemfundo ephakamileyo no qeqesho ladityaniswa nesebe lezenzululwazi nobuchwepheshe, Isebe elijongene nokusingqongileyo ladibana nesebe lezamahlathi kunye nemveliso zaselwandle, laze isebe lezolimo ladibana nesebe lokuvuselelwa komhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle, phakathi kwamasebe adityaniswayo.
Uthe iofisi kamongameli kunye ne ofisi kanongxowa weli zizakudibana ngokukhawuleza zivelise izicwangciso zokunciphisa isigqeba sakhe esiza kumiliselwa kwisithuba seminyaka emithathu ezayo.
“Ibhunga elijongene namaqumrhu karhulumente nayo inoxanduva lokwenza umsebenzi ofana nalo. Yenza uvavanyo elubanzi kuwo onke amaqumrhu karhulumente.”
Oluhlengahlengiso kumbuso weli kuzakukhokhelela ekubeni kuvalwe isebe lamaqumrhu kaRhulumente, njengoko inkampani yakwa Eskom izakuba phantsi kolawulo lwesebe lezimbiwa kunye namandla, kwaye nenkampani yakwa Transnet izakuba phantsi kolawulo lwesebe lezothutho.