Ulutsha olwalusophula umthetho, lulwisana namaqela oonqevu ezikolweni 

Ngu Doreen Mokgolo

Ngaphambili babesoyikwa esikolweni, kodwa ngoku bakhokhele iphulo elilwisana noonqevu kwisikolo samabanga aphakamileyo eDuduza. 

La madoda ayekade esophula umthetho, atshintshile abangonozaku zaku bephulo elithi #30 days.

Eli phulo likhokhelwe ngabantu ababebanjiwe kodwa longanyelwe liphulo iSkeem GP Foundation, CCM elisebenza nabantu abaphume eziseleni ngengqawule, abantu abaphume kuba kukhona uphando olusaqhutywayo, abantu ababesophula umthetho kunye nabantu abangamaxhoba ezenzo zolwaphulo mthetho. 

Ngentseni yaNgomvulo eliqela lindwendwele isikolo samabanga aphakamileyo Esibonelwesihle, apho bakhuthaze oogxa babo ukuba bajonge izifundo zabo kwaye bazikhwebule kumaqela emigulukudu ekhoyo ezikolweni. 

Amalungu eli qela ayazi ngqo into yokuba amaqela oonqevu eMzantsi Afrika bayakwazi ukulawula isikolo, abafundi kunyazeleke ukuba ahloniphe izikrelemnqa okanye bahlukunyezwe. La malungu acebise abafundi ukuba bangazikhwebula njani kumaqela oonqevu.

Owayesakuba libanjwa okwangumbhali uThemba Lukhele wabelane nabo ngeyonanto yaphazamisa ubomi bakhe esemncinci. Wabanjwa okokuqala eneminyaka elishumi elinesihlanu. 

“Ndandimncinci kwaye ndifuna ukuhlonitshwaa, ndandicinga ukuba yinto ebhadlileyo ukuba ndize nompu esikolweni, kodwa oko kwandibeka phakathi ejele,” utshilo. 

“Kukusebenzisa ibali lobomi bam okuzakundinceda ndisindise noba ngumntu omtsha omnye ohluphayo ukuba angafikeleli ejele.”

Umanejala oyintloko yezemisebenzi kwiqumrhu iSkeem GP uSolly Mankga ngomnye wabantu asele bebuya ejele. Uthe bayawenza umsebenzi obalingeneyo ukulwa ulwaphulo mthetho neziyobisi ezikolweni, kwaye bancedisa ukukhupha abantwana abafunyaniswe bezibandakanye namaqela oonqevu.

“njengabantu asele behlaziyekile ababengamabanjwa, sisebenzisa amacandelo ethi obomi sikhulise abafundi ukuba babengabahlali abanolwazi lwezinto,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa

“Sifumanisile ukuba iziyobisi zithengiswa kumabala ezikolo, zithengiswa ngabafundi bethengisela abanye abafundi.”

Uthembisile ukuba bazoqhubeka besebenza nabafundi ukuqinisekisa ukuba bahlala ekhondweni elilungileyo. 

Uceba wakwa ward 86 uNsizwa Mekgwe uthe bazakuqhuba besilwa ulwaphulo mthetho kwaye bekhupha iziyobisi ngaphandle ekuhlaleni nasezikolweni kulommandla. 

Umfanekiso ongasentla: Onozakuzaku abalwa amaqela oonqevu kwizikolo zaseDuduza


Ushicilelo lomboniso: UThemba Lukhele ekhuthaza abafundi

Imvelaphi yombiniso kunye nomfanekiso: NguDoreen Mokgolo