
Ngu Khaya Ndaba
Kubhubhe iintsana ezine kwisibhedlele iThelle Mogoerane Regional Hospital eVosloorus ngethuba kuqhuba uqhankqalazo lukazwelonke olumalunga nemivuzo, oludodobalisa nagakumbi ukunikezelwa kweenkonzo ezingundoqo.
Phantse zonke iinkonzo kwesisibhedlele saseRhawutini bezimile ukusukela kwiveki ephelileyo, izigulane zishiyeke zingenabantu bokuzikhathalela. Ukungabikho kohoyo lwamachiza kukhokhelele ekubeni kusweleke iintsana ezine ebezidinga ukukhathalelwa ngamachiza ngokukhawuleza.
Umphathiswa wesebe lezempilo uJoe Phaahla ebetyelele esisibhedlele sibetheke kanobom luqhankqalazo ngentseni yangoMvulo, uthe ngabongikazi abathathu kuphela abakwaze “ukubisa” bangene ukuze bakhathalele abantwana abangamashumi amahlanu abagulayo kule wodi.
“Ndithe xa ndifika apha ngoMgqibelo, ndafumanisa ukuba iwodi yeentsana ezingamashumi amahlanu zikhathalelwe ngabongikazi abathathu kuphela abakwazileyo ukubisa bangene baphangele. Kodwa ngokwesiqhelo abantwana beli nani badla ngokukhathalelwa ngabongikazi abangamashumi amabini,” uxelele amajelo eendaba abengaphandle kwesisibhedlele.
“Nawe uzakuqonda ukuba abanye babo ngabantwana abazelwe ngaphambi kwexesha, badinga ukukhathalelwa kanobom umzuzu nomzuzu kufuneka umntu ozakubabeka iliso,” utshilo.
Ukuhlangabezana nalentlekele ekhawulezileyo, kuthunyelwe abongikazi abangamashumi amabini abasuka kuSANDF kwisibhedlele iThelle Mogoerane.
Abahlali baseVosloorus nabo baxelelwe ukuba bathathe amanyathelo, bakhuphe abantu ababo abasesibhedlele okanye baze kuncedisa ukukhathalela abantu babo abangenokwazi ukukhutshwa esibhedlele ngenxa yeemeko abagula zizo.
Inkokheli yasekuhlaleni ichaze imeko kwesisibhedlele njengembi kakhulu, engafanelanga ukuba abantu babephantsi kwayo kwaye izakuba neziphumo ezibi.
Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba: “ezinye izigulane sele zilandulele eli okunye kukufutshane ukuba zisweleke. Ngenxa yoluqhankqalazo uninzi lwabo alukwazi kusiwa emkhenkceni, ngako ke baphela behlala kwezobhedi baswelekele kuzo.
“kwiveki ephelileyo ndacela amanye amalungu asekuhlaleni, amaqumrhu abucala akhoyo kunye neenkokheli zasekuhlaleni ukuba zizoncedisa nokuba kukucoca amagumbi nokwenzela bantu abagulayo ukutya.”
Umfanekiso ongasentla: Isibhedlele iThelle Mogoerane Regional Hospital eVosloorus
Imvelaphi yomfanekiso: NguKhaya Ndaba