Imanyano yabasebenzi iNehawu iqhubela phambili nogwayimbo 

Ngu Everson Luhanga no Zukile Majova

Imanyano yabasebenzi iNehawu iqhubela phambili nogwayimbo lwayo – nangona inkundla yezabasebenzi ikhuphe isithintelo soluqhankqalazo. 

Ngomvulo inkundla ejongene nemicimbi yabasebenzi isiqinisekisile isithintelo esiyalela ukuba le manyano ibuyisele emsebenzini bonke abasebenzi becandelo lenkonzo ezingundoqo. 

INehawu ikhokhele ugwayimbo oluqhubeka kuzwelonke lwabasebenzi baka rhulumente bekhalazela imivuzo. Le manyano inamalungu aphantse afikelele kumakhulu amathathu amawaka, ibangele ukungazinzi kwizibhedlele zikarhulumente kulo lonke eli, kuvalelwa abantu kunye nezithuthi zoncedo lwezempilo lokuqala ukuba bangakwazi kufikelela kumaziko ezempilo. 

Urhulumente ufumana iingcebiso ngezomthetho malunga nokubeka ityala lemanyano yabasebenzi, ukuba ithathe uxanduva malunga nokusweleka kwabantu ekunokubonakaliswa ubungqina bokuba basweleke ngenxa yoluqhankqalazo. 

Kodwa ngobusuku bangoMvulo uMongameli weNehawu uMike Shingange uthe isithintelo senkundla yabasebenzi sichaphazela abasebenzi bamacandelo angundoqo kuphela. 

Uqhankqalazo lona luyaqhubeka. 

“Uqhankqalazo lwethu aluthintelwanga. Ugwayimbo lwethu lukhuselekile kwaye luya qhuba,” utshilo uShingange. 

“Icandelo ekuphela kwalo elinikwe umyalelo wokuba libuyele emsebenzini licandelo leenkonzo ezikhethekileyo. Uninzi lwabasebenzi bakarhukumente bayaqhuba nogwayimbo.”

UShingange ugxininise ukuba inkundla ayifakanga sicelo sokuba lubhangiswe kwalona uqhankqalazo, wongeza ngelithi isigqibo sangoMvulo siphenjelelwe sisicelo esikhawulezileyo esifakwe ngumbuso weli umemelela ukuba abasebenzi benkonzo ezikhethekileyo bangaphazanyiswa. 

“Ijaji apha igxile kumba wabasebenzi benkonzo ezikhethekileyo ingakumbi ezibhedlele. Kulapho sibonayo ukuba kukhona ukusilela nokulibaziseka okukhoyo,” utshilo umongameli weNehawu exelela iqonga leendaba iNewzroom Afrika.

“Zisekhona ezinye iindlela esinokuzilinga. Kodwa okwangoku kufuneka sisithobele isithintelo senkundla, side sibe siqalisa iphulo elilandelayo lokuthatha amanyathelo.

Ukanti umphathiswa wezempilo kuzwelonke uJoe Phaahla uthe ulindele ukuba abasebenzi benkonzo ezikhethekileyo babuyele emsebenzini ngentseni yangoLwesibini, ukuba khange benze njalo, bazakube bawophule umyalelo wenkundla. 

Ethetha kwinkomfa noonondaba kusetyenziswa ubuxhaka xhaka balemihla ngobusuku bangoMvulo, uPhaahla uthe bakholelwa ukuba kukhona abantu abaphulukene nemiphefumlo yabo ngenxa yogwayimbo lwamalungu emanyano yabasebenzi iNehawu.

Kwiveki ephelileyo uthe bebenamatyala amane okusweleka kwabantu. 

Ngomvulo umkhosi wokhuselo weli uthumele abasebenzi bezempilo becandelo leSouth African Military Health Services emva kwesicelo esifakwe lisebe lezempilo. 

UPhaahla uthe amajoni athumele ikakhulu abongikazi, oogqirha abaliqela kunye nabasebenzi gabalala abafike benza umahluko omkhulu kwizibhedlele apho abaguli bebeshiywe bengena kutya okanye amachiza.

Umfanekiso ongasentla: Abaqhankqalazi batshisa amatayari kwisibhedlele iBheki Mlangeni Hospital eSoweto

Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga