
Uthando soze lube nombala omhlophe okanye omnyama kwaphela.
Kwiveki ephelileyo iqonga lendaba iScrolla.Africa lipapashe ibali elibhalwe ngumhleli weendaba owongamileyo uThabiso Sekhula, elinesihloko esithi IBALA LOTHANDO.
Kule mbalelwano, uThabiso ubalisa ngeemvakalelo ezintsokothileyo nokuqonda okuza nokukhulisa umntwana omhlophe ngokwebala ube ungumzali ontsundu ngebala eMzantsi Afrika.
Ukusukela ngoko zininzi kakhulu imbalelwano esizifumene kubantu abafunda mabali ethu ngelibali, uninzi lwabo lusiza ngaphambii namabali abo othando nebala lolusu.
Siwavile amabali abahlobo bebala elohlukileyo ababenyanzeleka ukuba banyonyobe xa beyodlala kunye ukuze abazali babo bangababoni, kunye namabali omama bebala elintsundu ababenyanzeleka bachebe iinwele zabantwana babo ukuze bangabonakali ukuba ngabebala elixubileyo. Ukanti siwavile namabali amanina angamaNdiya asebenzisa amakhasi ezonxibelelwano ukubonakalisa uthando kwibala labo elimnyama – ekuyeyona nto ithethisayo kubantu abangamaNdiya.
Sixelele ngebali lakho – nokuba lelokuthanda umntu onelinye ibala, okanye indlela owawuziva ngayo ukhula nokuba lelobuhlobo obungakhange buvalelwe libala analo umhlobo wakho.
Ijaji zethu, zikhokhelwe nguThabiso, zizakuchonga umntu omnye ozakuphumelela i-airtime exabisa iR250, kwaye ibali lakhe lizakupapashwa kwiqonga lendaba iScrolla.Africa.
Ukungenela, cofa eliqhosha .