
Ngu Songeziwe Mapukata
Kuphando oluthathe inyanga yonke amapolisa abambe umrhanelwa otyholwa ngokubulala abantu abasixhenxe ngenyanga yoMdumba besekhayeni labo eQunu, kwilali ekufutshane nedolophu yaseMthatha.
Amaxhoba asixhenxe ekungamadoda amane nabasetyhini abathathu, badutyulwa babulawa ngezithuba zemizuzu engamashumi amabini ngaphambi kwentsimbi yeshumi elinesibini, ezinzulwini zobusuku ekhayeni labo ngomhla wokuqala kwinyanga yoMdumba.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine, ufunyenwe ngolwesihlanu ezimele kwindlu yeqabane lakhe eOrlando East eSoweto, emva kophando oluthathe inyanga yonke.
Inokheli yomthonyama kule lali uNkosi Mfundo Mtirara uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba indawo yakhe igutyungelwe kukushushumbiswa kweziyobisi, kwaye kukhona iziganeko zokubulawa kwabantu ezimana ukwenzeka kwimida yakhe.
Inkonzo yesipolisa ithe yasebenzisana necandelo lephondo laseRhawutini elijonge nolwaphulo mthetho olukwinqanaba eliphezulu kunye namatyala ubundlobongela ukubamba lomrhanelwa.
“Izikrelemnqa ezibandakanyeka kwesisiganeko kufuneka zifunde isifundo sokuba, ekhona amapolisa ethu akukho kubaleka kwaye akukhiondawo zizakubalekeka kuyo unomphelo,” utshilo umkomishinala wamapolisa pehondo leMpuma Kapa uNjengele Nomthetheleli Mene.
Amapolisa akakawudizi unobangela wokubulawa kwababantu.
UMene wongeze ngelithi iphondo leMpuma Kapa aliyondawo yababulali, kwaye bazakuqhubeka bezifumana izigilamkhuba ziphendule kumatyala azo okubulala, njengoko lo mrhanelwa efunyenwe eSoweto.
Urhanelwa ubanje ephethe umpu ongekho mthethweni ekukholelwa ukuba wasetyenziswa ukubulala amaxhoba. Ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi eMthatha ngolwesibini, ejamelene namatyala asixhenxe okubulala.
Umfanekiso ongasentla: Urhanelwa otyholwa ngokubulala
Imvelaphi yomfanekiso: Supplied