Owasetyhini ubelixhoba lokuxhatshwazwa ngu myeni wakhe olipolisa

Ngu Everson Luhanga

Sele kuphele iminyaka uBusisiwe Mbatha enyamezela umyeni wakhe olipolisa onconywa ngokuba yintshatsheli elwa ukuxhatshazwa okusekelelwe kwisini. Kodwa ekhayeni lakhe, wayenyanzeleka anyamezele ukubethwa okunganyamezelekiyo ebethwa ngu myeni wakhe. 

Elipolisa linoburhala rhume, likwisigaba somcuphi onguConstable, lothuse abantu abaninzi kwiphondo lazeRhawutini emva kokubanjwa ngobusuku bangolwesine emva kokubetha uBusisiwe. 

Elipolisa liphangela phantsi kwecandelo lobundlobongela basemakhaya, Ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala olwaphulo mthetho anxulumene nokwabelana ngesondo eBrakpan, lijamelene namatyala okubetha ngeenjongo zokonzakalisa. 

Kodwa oku, akusondelanga kwityeli lokuqala apho eligosa lityholwa ngokubetha uBusisiwe. 

Iqonga lendaba lityelele ekhayeni likaBusisiwe, apho achaze kabanzi ngemeko yokuxhatshazwa yindoda efunanele ukuba igcina umthetho ngalo lonke ixesha. 

“Ngamanye amaxesha ndamdihamba naye esiya emsebenzini wakhe, apho abamba khona abarhanelwa bokuxhaphaza okusekelelwe kwisini – ngelixa yena kuqala endixhaphaza ngendlela efanayo namaxhoba azakuye edinga uncedo,” litshilo iqabane lakhe. 

“Iimpawu zokuxhaphaza zaqala kusekutsha kubudlelwane bethu, waqalisa wandityhola ngokukrexeza.

“Wayedla ngokufika engazixeli ukuba uyeza kwindawo endihlala kuyo, ngamanye amaxesha andilandele xa ndisiya apho ndisebenza khona.”

Lomama wabantwana babini uthe ngamatyeli aliqela apho uKunene wayembetha kodwa aphinde amxolele kuba wayebuya ngosuku olulandelayo, emcenga ukuba amamkele kwakhona. 

Uthe ngonyaka ka2021, wambetha wade waphunyelwa sisisu. 

“Emva kokuba siphumile isisu, wandityhola ngokukhupha isisu, nangona saphuma emva kokuba endibethile,” utshilo. 

“Ngomhla wamashumi amabini anesibini, wafika noobhuti bakhe, wandibetha ngokunganyamezelekiyo ngelixa obhuti bakhe bebukele,” utyhole wenjenje. 

Emva kwesisiganeko sokubethwa uBusisiwe wacetyiswa lusapho lwelipolisa ukuba acime ityala. 

Kodwa ipolisa eliphantsi kwecandelo lophando olukhethekileyo lweziganeko zolwaphulo mthetho ezenziwa ngamapolisa (iPID) elaliphanda elityala, zange livume ukucima elityala. Ukunene walibamba walivalela elipolisa ngenyanga yeKhala ngonyaka ka2022.

Umrhanelwa ulindeleke ukuba abuyele kwinkundla kamantyi eProtea ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kulenyanga yoKwindla ephendula malunga nesisiganeko.

ULizzy Suping othethela iIpid uthe: “lo wasetyhini wazama ukulicima ityala kodwa esisicelo sakhatywa ngumbuso. Waxelelwa ukuba amatyala okuxhatshazwa okusekelewe kwisini  kunye nokubulawa kwamanina ngamatyala angacinywayo.” 

USuping ithe elipolisa lakhutshwa eziseleni ngebheyile ngenxa yetyala lokuqala lokubetha. Imiqathango yokukhutshwa kwakhe, yayikukuba angaqhakamshelani nexhoba. 

I-Ipid ilincedisile ixhoba ukuba livule ityala lesibini ngakwelipolisa, kwaye ezinkcukacha zizakusetyenziswa ukufaka isicelo sokuchithwa kwebheyile yakhe yokuqala, utshilo uSuping. “Uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eProtea ngoMvulo malunga netyala lakhe lakutsha lokubetha.”