Umdlali ophambili kwiLiverpool ufuna ukudlalela iBafana Bafana! 

Ngu Razeen Gutta

Umdlali oqaqambileyo weqela leminyaka engaphantsi kweshumi elinesihlanu kwiLiverpool uGebriano Shelton uchongiwe ukuba abeyinxalenye yeqela lexeshana loMzantsi Afrika, echongwa ngumqeqeshi uDuncan Crowie njengoko bejonge ukhuphiswano lwamazwe aseAfrika iUnder-17 Africa Cup of Nations.

Lomdlali uneminyaka elishumi elinesithandathu nguKhapteni weqela lezibomvu, wabhengeza kunyaka ophelileyo ukuba ufuna ukudlalela iBafana Bafana, hayi iNgilani, kuba ufuna ilizwe lakhe lokuzalwa.  

“Ndifuna ukunikwa ithuba ndidlalele uMzantsi Afrika,” watsho uShelton exelela isikhululo sika nomathotholo iMetro FM ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo. 

“Ndacinga ukuba ndifuna ukudlalela ilizwe loMzantsi Afrika emva kokuba ndibone indlela abaphathwa ngayo abadlali abadlalela iNgilani, abayinzalelwane yaseUnited Kingdom emva kokuba bephosa amapenalthi. Iqela endilithandayo eMzantsi Afrika yiOrlando Pirates, kwaye umdlali emdimthanda kubo bonke nguPercy Tau.”

Imidlalo yokhuphiswano lwe AFCON lwabaneminyaka engaphansti kweshumi elinesixhenxe izakuqalisa ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga kaTshazimpuzi eAlgeria, nalapho ilizwe loMzantsi Afrika likumaqela adibeneyo kuGroup B, namazwe aquka iNigeria, iMorocco kunye neZambia.

Ukanti iqela lokugqibela eliqingqiweyo leBafana Bafana lizakubhengezwa ngomhla weshumi elinesihlanu kwekaTshazimpuzi.

Iqela lexeshana limi ngoluhlobo:

Oonozinti: NguTakalani Mzhawana – weKaizer Chiefs, uGennaro Johnson – weCape Town Spurs, kunye noKyle Jansen – weAtlanta United yaseUSA.

Abadlali bangasemva: NguKhosa Manyama – weCape Town Spurs, uGabriano Shelton – weLiverpool England, uKeitumetsi Lesia – weSupersport United, uWaylon Renecke – weNorwich yaseEngland, uBenjamin Wallace – weSupersport United, uBonginkosi Phala – weGetafe eseSpain, uVincent Sithole – weMamelodi Sundowns, uTyler Cecero – weStellenbosch, uNeo Rapoo – weSupersport United, kunye noThato Sibiya – weMamelodi Sundowns.

Abadlali basesiswini: NguXolani Tshaka – weOrlando Pirates, uSfiso Timba – weKaizer Chiefs, uGomolemo Kekana weTS Galaxy, uVicky Mkhawana – weKaizer Chiefs, uwAphelele Mkhize – eMaritzburg United, uXavier Jodamus – osuka kwiUbuntu Academy, uThuto Mojanang – weFeyenoord eseHolland, kunye noDhakier Lee – weCape Town Spurs.

Abadlali bangaphambili: NguMichael Dokumnu – weVitesse eseHolland, uOrifha Bright – weqela iNaubelo Capital City, uBennet Mokoena – weMamelodi Sundowns, uAaron Sloch Rydell – weNordsjaelland yaseDenmark, uGabriel Amato – weCape Town City, uLucas Jetten – weAjax Amsterdam eseHolland, uTyrese Davids – weSupersport United, uOfentse Kgosana – weKaizer Chiefs, kunye noSiyabonga Mabena – weMamelodi Sundowns.

Umfanekiso ongasentla: NguGabriano Shelton

Imvelaphi yomfanekiso: @princesobayeni1