
Yi Intatheli yelijelo
Imvumi eyaziwayo uCosta Titch uchithe ubusuku bakhe bokugqibela edanisa phantsi bokukhazi khazi bezibane, eqongeni apho ebesonwabisa abalandeli bakhe.
Kobobumnandi akukho nomnye obesazi ukuba ulonwabo lomculo abelunika abalandeli bakhe kumsitho iUltra Music Festival obubanjelwe eJohannesburg izakuba bobokugqibela.
Imvumi ephinde ibengumdanisi uCosta Tsobanopglou, owaziwa ngelika Costa Titch usweleke ngobusuku bangomgqibelo eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, emva kwezityholo zokuba uphathwe sisifo sokuwa ngethuba eseqongeni.
Kumboniso oshicilelweyo othe ndii kumakhasi ezonxibelelwano, uCosta Titch ubonakala edanisa, kuthi kusenjalo abonakale edidizela esiwa phantsi. Omnye wawantu ebeseqongeni umbambile emncedisa ukuba aphakame. Uzamile kwakhona ukuqhuba nomsebenzi wakhe kodwa uphinde wohlulakala wawa phakathi kwabalandeli bakhe noogxa abakhe ebesebenza nabo.
UCosta Titch yimvumi ebiphume izandla ngokuxuba umculo waMapiano kunye neHi-hop, kwaye waziwa kakhulu ngengoma zakhe eziquka ethi Big Flexa kunye nethi Just Do It.
Ukusweleka kwalemvumi yaseNelspruit isisiganeko sakutsha nje sokusweleka kwemvumi yomculo weRap esothuse uMzantsi Afrika uphela.
Ngenyanga yoMdumba, imvumi yomculo werap uAKA ogama lingu Kiernan Jarryd Forbes wasweleka ngokubulawa ngesihluku emva kokudutyulwa eThekwini. Ukanti kwisithuba sonyaka ngaphambi kokusweleka kuka AKA kwangenyanga yoMdumba kunyaka ka2022, imvumi yomculo weRap uRikhado Makhado owayesaziwa ngelika Ricky Rick, wazidlulisa amafu kwindawo yakhe yokushicilela umculo eJohannesburg. Zombini ezimvumi uAKA kunye noRiky Rick bebesondelelene noCosta Titch olanduleleyo eli.
Iinkokheli kwicandlelo lomculo, oo sopolitiki kunye nabantu gabalala bazilele ukusweleka kuka Costa Titch kumakhasi ezonxibelelwano.
Umboniso oshicilelweyo ongasentla: UCosta Titch olanduleleyo eli
Imvelaphi yomboniso: Ikhasi likaInstagram