Bamaphikwana abahlali baseKhayelitsha besoyikiswa lisela elivungama okwengonyama

Ngu Buziwe Nocuze

Abahlali baseKhayelitsha eKapa bamaphikwana besoyikiswa lisela elingathethiyo. Le ndoda ayikhupi nelinye ilizwi kumaxhoba ayo, koko ivele ivungame okwengonyama, ileqe ixhoba elo ilikhuthuze. 

Abahlali banyanzelisa usapho lwale ndoda ingakwazi ukuthetha ukuba luthathe uxanduva ngezenzo zayo. 

Umrhanelwa akakwazi kuthetha ngenxa yengozi awayifumana esemncinci, kwaye utyholwa ngokweba iimfono mfono, imali kunye newotshi kumaxhoba akhe.  

UNeziswa Malambile, olixhoba ubalise indlela awakhuthuzwa ngayo ngumrhanelwa kwiqonga lendaba iScrolla.Africa. Wayesendleleni esiya kudederhu lwevenkile ngethuba ebona lendoda imile emgaqweni. Yathi yakumbona yenza ingxolo eyoyikisayo. 

“Ndathi ndisamangaliswe yingxolo ayenzayo wabaleka ngesantya esikhulu esiza kum. Indlela awayendlongo ndlongo ngayo, enomsindo kwaye ndibona ukuba uzakundihlasela ukuba andimniki into ayifunayo okanye ndiyazilwela,” utshilo. 

Abahlali baxela eziziganeko elisela kusapho lwalo, hayi emapoliseni; baxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba amapolisa akukhonto ayezoyenza ngomrhanelwa. Ukanti usapho kuthiwa lukhe luhlawule imali yesinxephezelo kubantu abathathelwe iimfono mfono ngumrhanelwa. 

Noxa kunjalo, abahlali abaninzi baqalisa ukukhathala yile meko, kwaye bamemelela ukuba kuthathwe amanyathelo aqatha. 

Unina wexhoba unoloyiko lokuba uzakubulawa kuba abantu badiniwe yimikhuba yakhe. “Utya iziyobisi, ndizamile ukumfumaneka iziko loncedo iRehab kodwa ndaxelelwa ukuba abakwazi kumththa umntu okwimeko yakhe, ayikho irehab emlungeleyo,” utshilo.  

Isebe lophuhliso loluntu kwiphondo iNtshona Kapa lingqine ukuba alikho iziko elihlalisa abantu abadinga irehab elinokukwazi ukugcina elisela, nto leyo ishiya abahlali bengena ndawo banokumsa kuyo. 

Abahlali bamemelela usapho lomrhanelwa ukuba luthethe naye ngezenzo zakhe ngaphambi kokuba konakale. Omnye umhlali owebelwa imfonomfono yakhe uthe “ukulahlekelwa ngumnxeba kuthetha ukuba ulahlekelwe zinkcukacha ezibalulekileyo, ongenozifumana kumnxeba omtsha. Kufuneka bethethe naye kungade konakale.”

Njengoko imeko iqhubeleka, abahlali bamelwe ngumsebenzi onzima wokufumana isisombululo kwingxaki eqhubekayo ibangelwa lisela elingakwazi kuthetha. 

Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseKhayelitsha benyanzelisa ukuba kuthathwe amanyatheli ngakwisela enlingakwazi kuthetha elikhuthuza abahlali.

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze