
Ngu Zukile Majova
Unjengele womkhosi welizwe laseChina uSun Tzu wothulelwa umnqwazi ngokusungula intetho ethi “Bagcine kufutshane nawe abahlobo bakho, kodwa bagcine kufutshane nangakumbi abo bangabangcatshi bakho”.
Inyathelo lakutsha nje lika mongameli weli uCyril Ramaphosa lokudibanisa usekela mongameli uPaul Mashatile kunye noNkosazana Dlamini Zuma kwisigqeba sakhe njengomongameli, kubonakalisa ukuba wayifunda incwadi kaSun yakudala ethi The Art Of War emalunga neengcebiso zokuphumelela impi.
Uyayazi kamhlophe ukuba uMashatile uzimisele ukumsusa kwi-ofisi kaMongameli. uRamaphosa khange azithathele ngqalelo iingcebiso zabaxhasi bakhe zokuba akakwazi kubeka umngcatshi abengusekela wakhe – ingakumbi ngaphambi kolonyulo lonyaka ka2024.
Eneneni uRamaphosa uloyiso lwakhe ulufumene kwinkomfa yombutho weANC yamashumi amahlanu anesihlanu, ngeenzame zamalungu alo mbutho kunenzame zakhe okanye zendumasi yakhe.
Elona lungu lidala kumbutho weANC elizakumthwala kude kuphele isigaba sakhe sesibini nguGwede Mantashe owonyulwe ityeli lesibini njengosihlalo walombutho.
UMqwathi, njengoko esaziwa kanjalo, ukhokhele igquba lamalungu aquka unobhala jikelele weANC uFikile Mbalula, Inkulubaphathiswa yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane, Inkulubaphathiswa yaseMntla Kapa uZamani Saul, usihlalo walombutho eMpumalanga uMandla Ndlovu kunye noMxolisi Dukwana oyinkulubaphathiswa entsha yephondo laseFree State.
Yindibanisela yamalungu eofisi ka monganeli awakhuthaza umongameli ukuba angashiyi esikhundleni sakhe ngenxa yebholo lokufihlwa kokulahleka kwemali kwifama yakhe iPhala Phala.
Bakwazile ukumxhasa waphumelela kulenkomfa yayiphikiswa nangakumbi. njengoko engenele ityeli lesibini kwesisikhundla.
Ukanti, njengoko siqalisa isigaba sesibini, kuya kucaca nangakumbi ukuba uMantashe ngoyena unamandla ubangele ukuba uMongameli ahlale kwesisikhundla kwakhona.
Indima yakhe yokulawula ingxokolo ekhoyo kumbutho weANC nokuqinisekisa ukuba intlekele yezamandla iyasonjululwa ngaphambi kolonyulo lonyaka ozayo, zibonakalisa ibango elikhulu analo ngakuRamaphosa.
UMantashe uzibeke esichengeni, equbisana nabangxeki bakaRhamaphosa kwaye uMongameli uzakusoloko enetyala ngakuMantashe.
Intsebenzo yomphathiswa wezimbiwa namandla ukukhusela amalahle elizwe lomzantsi Afrika njengeyona mveliso ingundoqo ukuvelisa amandla kweli, kumenze waqhwatyelwa izandla ngabasebenzi basemigodini kunye nekomiti elawulayo yombutho weANC.
Kuleminyaka mihlanu izayo, uMantashe uzakubona imali engaphezu kukaR400 billion ezakusetyenziselwa ukuvuselela uEskom kunye nokumilisela izisombululo ezongezelelweyo zokuqubisana nokunqongophala kwamandla.
Ukanti icala likaMashatile lisele liqokelela abantu abasele emva kokushiya kuka Zuma, kwiqela lakhe elizibiza nge Radical Economic Transformation Group.
UMashatile uyabonakala eqokelela amandla okuvotelwa kumaphondo amathathu; eMntla Ntshona, KwaZulu-Natal kunye naseLimpopo.
Kodwa akukho nto ingakanani iseleyo akuhamba uZuma.
Ukuba uyaphumelela, uMantashe angaqubisana noMashatile kwisikhundla sikamongameli aphumelele.