
Ngu Thabiso Sekhula
Incwadi evela eLimpopo: UThabiso Sekhula uthi abantu bangxamele ukuzifumanela lengcambu yenza imimangaliso – unobangela ayikokuba iswiti kuneswekile kuphela.
Iphondo laseLimpopo libizwa ngokuba Yibhakede yeziqhamo zaseAfrika, kwaye ukuba uyawafunda amanye amabali endiwabhalayo, kulula ukufumanisa ukuba kutheni kuthethwa ngoluhlobo.
Kodwa kukhona isityalo esikhethekileyo esibangela ukuba wonke ubani andwendwele eliphondo: isityalo esitsha esidumileyo kwezolimo, iMolomo monate. Eligama lithetha ukuthi, “umlomo omnandi”.
Aliqhelekanga eligama lalomthi, kodwa ke esisityalo sibizwa njengencasa yaso – sinencasa kangangokuphindwa kaliwaka namakhulu amane obuswiti kuneswekile. Izinto ezifumaneka kuso azipheleli apho. Ngokuphanda nje kanye kuTikTok okanye uGoogle uzakuzibonela ukuba kutheni isityalo imolommo monate ithathelwe phezulu kwihlabathi lonke.
Iingcambu zesisityalo ziyakhiwa, zicocwe zisetyenziswe ngamaxhwele anyanga abantu esebenzisa amachiza emveli, ezisebenzisa kwizinto ezininzi eziquka intlahla kwingxoxo ezithile, xakuthethwa thethwana ngexesha leengxoxo zelobola kunye nokuthandwa ngamantombazane. Kodwa eyona idumileyo kukusetyenziswa kwayo isetyenziselwa ukuvusa nokomeleza iinkumbulo zikwabelana ngesondo.
Oneye yentengiso zengcambu zesisityalo ithi: “Hlafuna esisityalo, ucele uthando nakowuphi na umntu olibhinqa, uzakuvuma zibekwa.” Kukholelwa ukuba ezingcambu zisebenza kubobonke abantu, amanina namadoda, kwaye lisebenza nangakumbi kumntu otya isidlo sasekamereni, akukhomntu unokwala. Yabelana nathi ngolwazi onalo ngentsebenzi yaso.
Ngonyaka ka2015, iCSIR yenza uphando ngesisityalo, esisebenza kangaka ukufaka incasa ekutyeni, kodwa kukhangeleka kunzima ukufumana ulwazi olongezelelekileyo.
Nabani na onesakhono sokulithengisa uzakufumana izigidi zemali. Abahlali baseShongoane naseSeleka kumntla ephondo laseMntla Ntshona ePolokwane, nabaseLimpopo abayinxalenye kwiprojeti ngonyaka ka2015 kwaye babefanele bafumane intlawulo ngoluphando kunye neziphumo zalo. Yimali efikelele kuR2,6 million eyabhatalwa kubantu aba nolwazi ngesisityalo owancedisa kuphando.
Esisityalo silinywa ngabalimi abasakhulayo, abasigubayo bazenzele ngaso idrinki kunye neelekese. Kwikhasi lika TikTok, umbhalo kaHashtag ubukelwe ngabantu abangaphezu kwamashumi asibhozo ezigidi, kuba ayithanda into edibene nothando nokwenza uthando abemi beli. Kwaye esisityalo sibangela abantu ukuba abantu bagaleleke eLimpopo kuba befuna ukuthetha kamnandi nawe.