Indoda engenakhaya izakhele indlu yesikhephe. 

Ngu Anita Dangazele

Kude kufuphi nebala lemidlalo iNelson Mandela Bay Stadium eGqeberha, nabani na angayibona indlu encinane esesikhepheni idada ngaphezu kwechweba iNorth End Lake. 

Elo likhaya likaTashwill Nkili’s elitsha.

UNkili oneminyaka engamashumi amabini ananye wakhulela kwidolophu eyonganyelwe ziifama iSomerset East, wafika eGqeberha ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo ezokukhangela umsebenzi. Kodwa wamangaliswa akufumanisa ukuba xa kuthethwa ngamathuba emisebenzi, isixeko sifana nqwa nedolophu yakokwabo ngokunqongophala kwamathuba emisebenzi. 

“Ndazalelwa kwidolophu iWorcester kwiphondo laseNtshona Kapa, ndaya kuhlala eSomerset East kunye nomama wam owayekhangela umsebenzi. Sele wasweleka, emva koko ndakhuliswa lolunye usapho olwandithatha emva kokusweleka kwakhe, kodwa inzima impilo [kwelacala],” utshilo uNkili.

Kuba engakwazi kubuyela eSomerset East ngenxa yobunzima ekhaya, uNkili waqalisa wahlala ezitalatweni zaseGqeberha.

Wazibandakanya nabahlali abangenamakhaya abahlala kunxweme lwechweba iNorth End Lake. Kulapho wafikelwa ngumbono wendlu ekwisikhephe. 

Isizathu sokuba akhe lendlu, uNkili uthe kukuba ikhuselekile kunokuhlala kunxweme lwelichweba. 

“Ukuhlala kufuphi nechweba kuyingozi. Abantu basoloko bekhuthuzwa okanye behlaselwa, okanye amagosa karhulumente afika adilize amatyotyombe kufuneke ukuba wakhe ngokutsha. 

“Ndaye ndacinga ukuba abanokwazi ukudiliza indlu yam ukuba abakwazi kufikelela kuyo, kwaye ndacinga ukuba ukudada kwelichweba izakuba yinto elungileyo,” utshilo.

Umgangatho wendlu kaNkili wakhiwe ngeengceba zenkuni kunye namazinki, amacala akhiwe ngamaplangi kunye nezinye izixhobo. 

Uphahla logqunywe ngeengxowa zeplastiki, ngelixa lendlu yogqunywe ngempahla zokondlula ibhedi. Umnyango omncinci usetyenziselwa ukungena nokuphumela ngaphandle kwalendlu. 

UNkili uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba unephupha lokuba yimbethi manqindi eqeqeshiweyo, ukuze akwazi ukutshintsha imeko yekhaya lakhe.

Umfanekiso ongasentla: UTashwill Nkili ehleli ngasemnyango wendlu yakhe esesikhepheni. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele