IMarumo Gallants ivusa umlilo kukhuphiswano lweCAF

Ngu Michael Madyira

Iphupha leqela iMarumo Gallants lokudlala kwiCAF Confederations Cup lingayichitha ingcingane yokuba iPremier Soccer League (PSL) ibuthathaka. 

Iqela laBahlabane ba Ntwa belisoloko lisemsileni we yePSL iiveki eziliqela, kodwa ngoku lonwabela ukuhamba phambili ngamaphuzu amabini kumaqela adibene nalo kaGroup A kolukhuphiswano lwelizwekazi iAfrika. 

Sebekufutshane ukuba bafikelele kwisigaba sokuba amaqela adlalele ukuphuma kolukhuphiswano, nangona besuka kwisigaba sebhola uninzi eliyibiza ngokuba “yeyasemaphandleni”.

Oku kubangelwa kukomelela kweqela leMamelodi Sundowns kukhuphiswano lwePSL, apho amaqela amaninzi ahlulekayo ukukhuphisana nalo. 

Kodwa iqela leGallants likhuphisana unyawo ngonyawo nawona maqela ahlonitshwayo kwilizwekazi iAfrika, kuquka ukubetha iingangalala zaseAlgeria iUSM Alger ngamanqaku amabini eqandeni kwibala lemidlalo iDobsonville Stadium ngoLwesithathu. 

“Basibetha kumdlalo esasiwudlalela kwibala labo, nathi sibabethile apha ekhaya ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova, ngoku sihamba phambili,” utshilo umqeqeshi ogada eliqela uRaymind Mdaka. 

“Amathuba aya esibangcono ngokuya sisondela isigaba esilandelayo solukhuphiswano. Siyabavuyela abafana basebenzile kolukhuphiswano.”

Ukuphumelela  kwabo kumdlalo wolukhuphiswano lwelizwe laseAfrika njengoko lizakudlalela kumabala eqela laseLibya i-Al-Akhar, kuzakuthetha ukuba iGallants zizibekele indawo kwimidlalo yesibini eyandulela amagqibela kankqoyi, nalapho kuzakubakhona umdlalo elingazuwudlala. 

“Sizimisele ukujongana nomdlalo omnye ngexesha, sizakube sidlalela kwelinye ilizwe neqela esilibethileyo ekhaya,” utshilo uMdaka.  

“Asizuwuthatha kancinane lomdlalo kuba sikwazile ukubabetha ngamanqaku amane kwelinye kumdlalo ebesiwudlalela ekhaya. Sizakuya phaya sifike sizifumanele amamphuzu amathathu emva koko sibuyele ekhaya.”

Kodwa ngaphambi kokuba batyelele eLibya, iGallants izakutyelela iCape Town City ngolwesibini weveki ezayo, njengoko bezama ukusuka emsileni kukhuphiswano lwePSL. 

Balwela ukuba bangakhutshelwa ngaphandle kolukhuphiswano, ngelixa bezama ukulungelelanisa nakwimidlalo yabo yeAfrika. 

“Ndicinga ukuba ngokwengqondo abadlali balungele nantoni na; bayayiqonda into eyenzekayo,” utshilo uMdaka. 

“Ngamanye amaxesha xa udiniwe, yingqondo kuphela ekuthwalayo. Ngakoke imeko yasengqondweni esinayo, indlela esiziphethe ngayo nesenza ngayo izinto kufuneka ingatshintshi, kwaye sizakwenzanjalo kwimidlalo ye league kunye neyeCAF.”

Iqela leGallants zizakusonga isigaba semidlalo yamaqela adibeneyo ngokusingatha umdlalo weqela laseCongo iEloi Lupopo ngomhla wesibini kwinyanga kaTshazimpuzi. 

Umfanekiso ongasentla: iqela iUSM Alger iqubisana ne Marumo Gallants

Imvelaphi yomfanekiso: Marumo Gallants