
Ngu Everson Luhanga
Abemi belizwe loMzantsi Afrika bonele!
Ukusuka kwelicala ukuya kwelinye kweli, abantu babhenele ezitalatweni kweziveki zimbalwa bekhalazela ukudodobala kokuhanjiswa kwenkonzo.
Amanzi, Umbane, Izindlu kunye nococeko
Ezi zinkonzo ezisilelayo ukufukikelela ebantwini – kwaye liyaphela kancinci kancinci ixesha lokuba balinde.
Abahlali bathathise ezitalatweni betshisa amatayari kwaye bevala neendlela ezingundoqo.
Ngolwesine abahlali ebebengena manzi phantse iveki yonke kwiveki ephelileyo, babase imililo bavala uhola wendlela uN1 ongena kwiphondo laseFree State ngendlela esuka kwidolophu iVentersburg.
Kodwa esisiganeko khange sihambe sodwa kwaphela.
Nazi ezinye iziganeko zoqhankalazo ebeziqhuba kwintsuku ezimbalwa okanye iveli ezimbalwa:
ERhawutini:
Ngomhla wesithandathu iindlela kummandla wase Rooderpoort yayivaliwe ngenxa yoqhankqalazo.
UMgaqo iAlbertina Sisulu Drive wawuvaliwe ngenxa yoqhankqalazo kwindawo yamatyotyombe. Inkonzo yesipolisa kunye namapolisa akwamasipala iJMPD abizwa ukuze abeke imeko esweni.
Kwa-Thema, Ekurhuleni, umgaqo iThema Road wawuvaliwe ngolwesine kutshiswa amatayari,
EVosloorus, abantu abahamba ngezithuthi babe gityiselwa ngamatye ngomhla wesithathu kule yoKwindla.
Kwadutyulwa ngeembumbulu kumagosa ezokhuseleko ohlukeneyo awayeze kusabela koluqhankqalazo.
KwaZulu-Natal
Ngenyanga yoMdumba umgaqo uR617 osingise eUnderberg / eBoston wawuvalwe ngabaqhankqalazi ababegwayimba ngenxa yokushokoxeka kwamanzi.
Ngeloxesha abantu babengenamanzi, bengenambane iintsuku ezingaphezu kwesihlanu.
Ukanti olunye uqhankqalazo lwalusenzeka kuhola wendlela iMangosuthu High ngomhla wokuqla kweyoMdumba. Lohola wendlela wawuvaliwe, kwanyanzeleka izithuthi ukuba zisebenzise esinye iindlela.
EMPUMALANGA
Ngomhla wokuqala kweyoMdumba abahlali base Hazyview nase Hoedspruit babengakwazi ukusebenzisa iindlela abaziqhelileyo, njengoko umgaqo eMatsikitsane wawuvalwe ziloli.
Kwangosuku olunye, abafundi besikolo samabanga aphakamileyo iPatriot High School, bathathisa ezitalatweni, betshisa amatayari bevale iindlela.
EMntla Kapa
Abahlali babe bambe uqhankqalazo kuhola wendlela uN14, kumgama ozikhilomitha ezingamashumi amathandathu xa usiya eKuruman ngase Vryburg
Indlela yayivaliwe kwaye imeko yaya isiba mbi ngokuhamba kwexesha.
EMntla Ntshona
Bekukhona uqhankqalazo kugaqo uR506 eJan Kemp / eChristiana naseGeluksOord road. Yonke lemigaqo yayivalwe ngabaqhankqalazi ngomhla wesithandathu kweyoMdumba.
Ngomhla weshumi elinesithathu kwakweyoMdumba, uhola wendlela uN12 Ikageng (Potchestroom) wawuvalwe ngenxa yogwayimbo. Abahlali babakhalazela ukuhanjiswa kwenkonzo.
EMpuma Kapa
Ngomhla wethoba kweyoMdumba abaqhankqalazi babehambela iindawo ezohlukeneyo bekhalazela ukungahlinzekwa ngeenkonzo. Bazimisa ngxi iintsukumo kulammandla
Ngomhla weshumi elinesithathu kwakweyoMdumba, abahlali baseGqeberha bathathisa kugwayimbo kungaqo iStanford Road Bridge kunye nohola wendlela uN2 eGqeberha nalapho ababaqhankqalazi bafumana ikroba lokutyhuthula amashishini.
Ngomhla weshumi elinesithandathu, zamiswa ngxi intshukumo zoluntu eKomani iintsuku zade zambini. Uninzi lwevenkile zazivaliwe.
ENtshona Kapa
Ngomhla wamashumi amabini kweyoMdumba, kwaqhambuka uqhankqalazo kumgaqo iBaden Powell Drive eKhayelitsha. Abaqhubi banyanzeleka ukuba basebenzise ezinye.
ELIMPOPO
Ngomhla wesibini kweyoMdumba, kumgaqo uR40 phakathi kweDwarsloop kunye neAcornhoek wawuvalwe ngabaqhankqalazi, ababe phosa amatye nokungcola endleleni,
Ngomhla wamashumi amabini akwakweYomdumba, kwakukhona olona qhankqalazo lukhulu ePhalaborwa. Abahlali babeqhankqalazela ukungabikho kombane namanzi
Olu, ayiloluhlu lupheleleyo njengoko ezinye iintshukumo zabahlali zingaxelwa.
Ilizwe lisemngciphekweni, kwaye iEFF imemelela ukuba kumiswe ngxi iintshukumo zoluntu ngomhla wamashumi amabini kule yoKwindla, kwaye oku kunyusa umnyele nangakumbi kubemi beli.