

Ngu Zukile Majova
Political Editor
Amahlahle awayi ndawo.
Ilizwe loMzantsi Afrika alizikunyanzeliswa ngamazwe anamandla ukuba malilahle izikhululo zokuphehla umbane ezisebenzisa amalahle.
Oku, kuthethwe nguGwede Mantashe, umphathiswa wezimbiwa nezamandla onikwe uxanduva lokukhokela eli ukuba luphume kwintlekele yokunqongophala kwamandla.
“Amalahle azakuhlala ekhona ukodlula uninzi lwethu. Bazakufa namthanyana abo bathi amasiyeke ukusebenzisa amalahle,” utshilo uMantashe exelela iindwendwe ebeziyinxalenye yeAfrica Energy Indaba ka2023 eqhubayo eCape Town Convention Centre.
Ukanti uMantashe ungundoqo ekubeni kumiliselwe inkqubo yeJust Energy Transition Framework exabisa iR155 billion, eyenzelwe ukuba ilizwe loMzantsi Afrika likwazi ukuwelela kwinkqubo yokuvelisa umbane ngaphandle kongcoliseko lomoya.
Sele kuphele iinyanga kukho iingxelo ezithi uMantashe ngoyena mqobo ungondoqo obangela ukuba ingamiliselwa inkqubo yokuvelisa amandla ahlaziyekayo.
Kucace gca ukuba intliziyo yakhe ayikho kwimveliso zamandla ahlaziyekayo, ezimele ngokuba ukhetha kusetyenziswe iindlela ezixutyiweyo zokuvelisa amandla njengesona sisombululo sexesha elide kwingxaki yokushokoxeka kombane kweli.
Ukanti uphumile tyholweni ngethuba ethetha kwiAfrica Energy Indaba yonyaka ka2023. Umemelele amazwe aseAfrika ukuba angathobeli ukuyalelwa ngamazwe aseEurope xa ethatha izigqibo malunga nezisombululo zamandla kumazwe azo.
“Xa ndivala, kufuneka ndikhumbuze ukuba umfelandawonye wamazwe aseEurope iEuropean Union yathatha isigqibo sokuba iUganda ingazakheli ezayo iisali zokugcina ioli.
“Kodwa yayingeyo Uganda, yayiyi Europe eyathatha esosigqibo, yagqibela ilizwe laseUganda.”
“Kuyafana ke nalapha isigqibo sokuba singawachukumisi amalahle. Ayisosigqibo sethu.
“Sisigqibo samazwe anoqoqosho oluphucukileyo. Onozaku zaku (beGreen Peace) balapha bazosixelela lonto.
UMantashe ophinde wonyulwa ngokutsha ukuba nguSihlalo wombutho olawulayo – ebedlulisa izigqibo zakutsha nje zikamongameli wombutho iANC uCyril Ramaphosa.
Abemi belizwe loMzantsi Afrika bajamelene nokuhlala ebumnyameni iiyure eziphakathi kwesibhozo ukuya kwishumi elinesibini usuku nosuku ngenxa yokuguga kwamaziko okuphehla umbane asebenzisa amalahle, asoloko esifa kuba engakwazi kuhlinzeka ngombane olinganiselwa ku30 000MW odingekayo ukuze eli likwazi ukubuyela kwimeko ezinzileyo yoqoqosho.
Kungokunje, inkqubo yokucinywa kombane ityabula uqoqosho lweli imali efikelele kuR1 billion ngosuku, kwaye ibhanki uNedbank iqikelela ukuba abemi beli baboleke imali efikelele kuR1.2 billion ngenjongo zokukhusela amakhaya abo, kwiintsuku ezingaphezu kwamakhulu amabini kuqhuba inkqubo yokucinywa kombane.
Umfanekiso ongasentla: Amatshantliziyo eGreen Peace eqhankqalazela indoda “ekholelwa kwimveliso zamalahle”
Imvelaphi yomfanekiso: NguTwitter