Ulwamvila luviwa ngamanina akhulelweyo njengoko kuqhuba ugwayimbo lwabasebenzi

Ngu Anita Dangazele

Amanina akhulelweyo alindele ukubeleka ngomthungo kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha asemngciphekweni wokuba uhlinzo lwabo lumiswe, njengoko kusaqhuba ugwayimbo lwabasebenzi olumalunga nokongezelwa imivuzo.

Umama olindele ukuba nomntwana oko kuqala, ubekhathazekile ngethuba exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba woyikela ubomi bomntwana wakhe ongekazalwa. 

“Ndoyika nyani. Ndifike apha ngeCawa kwaye bekufanele ndiye kwigumbi lokuhlinzwa ngoLwesibini. Ndoyikela umntwana wam kuba ndizakube ndineeveki ezingamashumi amane kulempelaveki,” utshilo. 

Umongikazi ocele ukuba igamalakhe lingadizwa uthe, uthathe isigqibo sokuba angabikho emsebenzini njengomntu ogulayo kuba akafuni kunyanzeliswa ngabanye abasebenzi ukuba abeyinxalenye yolugwayimbo. 

“Banobundlongo ndlongo kwaye bayasela ngethuba loqhankqalazo. Andifuni kuba yinxalenye yoluqhankqalazo. Ndigqibe kwelokuba ndiye kugqirha ukuze andinike isigunyaziso sokuba ndiyagula ukuze ndingaphangeli. Abasivumeli ukuba sisebenze, ngako ke kungcono ndilinde ugwayimbo ndihleli ekhaya kunokuba ndigrogriswe. Banomsindo kakhulu,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Ukanti isebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa lizigxeka kanobom izityholo zodushe nokugrogriswa kwabanye abasebenzi ngamalungu ombutho iNehawu aqhankqalazayo. 

Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Kapa, uNomakhosazana Meth uthe imibutho emine kwemihlanu ayiyo nxalenye yolugwayimbo. Wongeze ngelithi ixhalabile kuba amalungu ayo ayagrogriswa kwaye evalelwa ngaphandle kwindawo zokusebenza.

“Siyayiqonda into yokuba abasebenzi banelungelo lokuqhankqalaza, kodwa xa besenza njalo abakwazi ukunyhasha amalungelo abanye abasebenzi. Asikwazi ukuba nemeko apho abaguli kunye nabasebenzi abangeyo nxalenye yogwayimbo babesemngciphekweni ngenxa yabantu abathathe isigqibo sokuba yinxalenye yogwayimbo,” utshilo. 

Isebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa lithe kuzakusebenza indlela ethi abangasebenzanga abafumani mivuzo, kubo bonke abasebenzi abayinxalenye yoqhankqalazo. 

Isebe lemisebenzi karhulumnente kunye nolawulo limemelela ukonyusa imivuzo ngomyinge ka4.7% ngelixa umbutho wabasebenzi unyanzelisa umyinge ka 10% ukuya ku12%. 

Umfanekiso ongasentla: Abasebenzi abakuqhankqalazo eGqeberha 

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele