
Ngu Buziwe Nocuze
Abahlali beyona lokishi inobungozi eKapa eNyanga, bathi ukhuseleko lwabo alithathelwa ngqalelo ngenxa yeemoto ezonakeleyo ezihleli ngaphandle kwesikhululo samapolisa kule lokishi.
Abahlali balelokishi babanga ngelithi zizithuthi ezisixhenxe zamapolisa ezingasetyenziswayo, kwaye uninzi lwazo zinamavili aphelelwe ngumoya.
UNolusindiso Jekana ongumhlali uvakalise ukukhathazeka kwakhe zezizithuthi zingasebenziyo.
“INyanga yenye yelokishi ezinobungozi eKapa. Siyeyona ndawo ihamba phambili ngokubulawa kwabantu. Kufuneka zonke izithuthi zethu zibesezindleni,” utshilo uJekana.
Omnye umhlali ocele ukuba igama lakhe lingadizwa, waya kwesisikhululo eyovula ityala ngakwiqabane lakhe elimxhaphazayo. Waxelelwa ukuba makalinde, kodwa walinda wabona ukuba makade ahambe engakhange afumane ncedo.
“Ndalindela into engekhoyo. Iqabane lam lade landitsalela umnxeba lisithi ukuba asikho isithuthi samapolisa esizakumlanda, uzakuthatha isithuthi sika wonke wonke eze emapoliseni.”
ULubabalo Class wayendwendwele esisikhululo eyofaka isitampu sesiqinisekiso sempepha zakhe ngethuba esiva owasetyhini ekhalaza ngeeyure ezinde azichithe elinde isithuthi samapolisa.
“Elanina lalinda ixesha elingaphezu kweeyure ezintandathu, elinde isithuthi samapolisa esasiye kusebenza kwenye indawo yexhwayelo. Waphela egoduka engafumananga ncedo,” wongeze wenjenje uClass.
Lemeko ibangela imibuzo malunga nokuzibophelela kukarhulumente ukunikezela ngeenkonzo ezingundoqo ekuhlaleni.
Usihlalo wequmrhu lokhuseleko lwabahlali eNyanga uDumisani Qwabe uthe, uyayiqonda into yokuba isicelo sokulungiswa kwamavili aphelelwe ngumoya sithunyelwe kwigaraji karhulumente.
“Ndiyayazi ukuba lelipjhi isebe. Igaraji abayisebenzisayo ayikwazi kulungisa izithuthi ezifileyo. Endaweni yokuba kubekhona izithuthi ezininzi kangaka ezihleliyo zingasebenzi ngelixa kusonyuka izinga lolwaphulo, makunikwe abanye abantu umsebenzi,” utshilo uQwabe.
Isithethi samapolisa kwiphondo laseNtshona Kapa uCaptain Frederick van Wyk uqinisekisile ukuba ikhona ingxaki, watsho ukuba izithuthi ezingasebenziyo ziphazamisa ukuhanjiswa kwenkonzo kwaye abaphathi bakunika ingqwalasela oku.
“Izixhobo ezifana nezithuthi zidinga ukusoloko zilungiswa okanye ziyamoshakala ngenxa yoikusebenza iiyure ezingamashumi amabini anesine, zingafumani kuphumla,” utshilo.
“Xa izithuthi zingasebenzi kuba zidinga ukulungiswa, okanye zophukile, kusetyenziswa ezinye iindlela zokuqinisekisa ukuba umsebenzi awuphazamiseki.”
Ukanti khange acacise ukuba manyatheli mani athathwayo, ethathwa njani.
Umfanekiso ongasentla: Izithuthi ezingaphezu kwesixhenxe ezingasebenziyo kwisikhululo saseNyanga nalapho uninzi lwazo zingenamoya emavilini, zivusa umnyele kubahlali.
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze