
Ngu Thabisa Ndzindzwa
Abantu abaninzi bachaza usuku lwabo lomtshato njengolona suku lumnandi kwimpilo zabo zonke. UMandisa Njuzana yena ubengazi nokwazi ukuba utshatile.
Lo wasetyhini uneminyaka engamashumi amathathu anesibini usuka kwilali yakuHombe eLusikisiki, watyelela isebe lemicimbi yekhaya eyokwenzela unyana wakhe omdala isatifiketi sokuzalwa ukuze afumanise ukuba utshatile!
Wathi esothuke enjalo, waxelelwa ukuba makaze nesatifiketi somtshato ukuze akwazi ukwenzela umntwana wakhe isatifiketi sokuzalwa.
“Ndabaxelela ukuba anditshatanga, kwaye andiyazi nale ndoda bathi nditshate nayo,” utshilo.
Konke oku kwakusenzeka ngonyaka ka2014, ukusukela ngoko uMandisa oko wayezama ukugqibezela inkqubo yokohlukanisa lomtshato, nendoda angazange wayibona.
Uthe wanyanzeleka ukuba bakafumane isatifiketi somtshato ukuze akwazi ukufumana isatifiketi sonyana wakhe omdala.
Emva koko waxelelwa ukuba makenze iaffidavit ayise kwiofisi kaMantyi kwinkundla yaseLusikisiki.
“Kwi-ofisi kaMantyi ndaxelelwa ukuba mandikhuphe iinkcukacha zokuqhakamshelana nalomyeni, nto leyo ndandingenayo, ndibaxelela ukuba andinazo bona bandixelela ukuba ngeke bakwazi ukundinceda ngaphandle kwedilesi abazothumela kuyo amaphepha esohlukaniso somtshato.”
Kungoku nje uMandisa ujamelene nobunzima kuba akakwazi kufumana isatifiketi somntwana wakhe wesibini osele eneminyaka emihlanu – kude kube uqukumbela inkqubo yokohlukanisa lo mtshato.
“Kubuhlungu kuba unyana wam akakwazi nokubhaliswa esikolweni ngenxa yokungabina setifiketi sokuzalwa. Wayeke wabandakanyeka kwingozi yendlela ngo2021, kwaye andikwazi nokufaka mabango akhe kwiqumrhu leUIF kuba akanaso isatifiketi sokuzalwa.”
Kudala ekhangela uncedo kubantu abohlukeneyo, kuquka iinkokheli zemveli ukuba zimncedise ukucima lo mtshato.
UMandisa uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba udinga ukuba afikelele kwisiphelo salomtshato, okungenani ke akwazi ukulungiselela ikamva labantwana bakhe.
Ibambela manejala kwiofisi yesebe lemicimbi yekhaya eLusikisiki uLitha Maqoqa uthe iingxaki eziloluhlobo azinqabanga, kwaye zithatha ixesha ukusombululeka. Isebe kufuneka lenze uphando ukufumanisa ukuba ixhoba latyikitya kusini na kwisiqinisekiso somtshato.
“Ingxaki esidibana nazo kukuba amanina ingakumbi ulutsha bazibandakanya nemitshato yentlawulo nabemi bangaphandle, ababahlawula imali ngenyanga bade babe bafumana isiqinisekiso sokuba ngabemi abapheleleyo belizwe loMzantsi Afrika.
“Bakuyeka ukufumana lentlawulo babuyele kuthi belila bekhala ngemitshato abangayaziyo, babe besazi ukuba babevumelene,” utyhola ngoluhlobo.
Noxa kunjalo, uMaqoqa uqinisekisile ukuba amanye amanina azifumana etshatile engazi ngenxa yokuqhathwa ngabemi bangaphandle babanike imisebenzi. Bakufumana lo msebenzi kuthathwa izazisi zabo zigcinwe njengesiqinisekiso somsebenzi, babe besazi ukuba bazakubatshatisa ngaphandle kwemvume yabo.
UMaqoqa uthe uzakuyinika ingqwalasela imeko kaNjuzana kwiveki ezayo, kuba kuleveki abakwazi kusebenza kakuhle ngenxa yoqhankqalazo oluqhubayo lombutho wabasebenzi iNehawu.
Umfanekiso ongasentla: UMandisa Njuzana ocela uncedo ukucima igama lakhe kumtshato wobuxoki.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe