
Ngu Nkhensani Mthombeni
Kuguga othandayo ngokuba iminyaka linani nje elingathethi nto. Kule mpelanyanga amaqela ebhola ekhatywayo angamashumi amabini wenkondekazi, azakukhuphisana kwindebe yamazwe ehlabathi iGrannies International Football Tournament (GIFT) eLimpopo.
Iinkondekazi ezisuka kumazwe ohlukeneyo alishumi elinesine zizakube zibonakalisa izakhono zazo kwibhola ekhatywayo, zonke zinethemba lokuthatha indebe yokuqala yetumente yeGIFT.
Olu khuphiswano lwenzelwe amanina aneminyaka engamashumi amahlanu nangaphezulu, kwaye lwamiliselwa ngumxhasi walo okwangumsebenzi kunomathotholo uBeka Ntsanwisi.
Waseka iqela lebhola ekhatywayo yabantu abadala ngonyaka ka2007 ngexesha wayezibandakanye nenkqubo yokukhathalela abantu abadala. Kulapho wafumanisa ukuba abanye abantu abadala baphila bodwa, bagula zizifo abaphila nazo kwaye baziva bebodwa.
“Ndaba nombono wokubagcina bedlamkile ngokubafundisa ibhola ekhatywayo,” utshilo.
Kungekudala abantu abathatha inxaxheba baziva bengcono kwaye baziva bedlamkile kwaye bekhuthele.
Ngokuba baninzi kwabantu abafuna ukuthatha inxaxheba, laqala kanjalo iqela. Labizwa ngokuba iVakhegula Vakhegula, elithetha ukuthi “makhulu makhulu”.
Abanye oomakhulu sebetyelele amazwe afana neRussia, iFrance kunye neMelika behamba neqela eli, apho babona uBarack Obama. Amanye amazwe azakube ethatha inxaxheba aquka iFrance, iMozambique, iUSA, iTogo kunye neZambia.
“Sikulungele!” utshilo uDinah Mawila oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu, exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa. Yena kunye neqela lakhe banethemba lokuphumelela olukhuphiswano.
Le midlalo izakuthatha iintsuku ezintathu ijonge nokuthengisa intlalo yaselokishini, utyelelo kunye nokukhulisa uqoqosho lwasekuhlaleni.
Itheko lokuvula olukhuphiswano lizakubanjelwa kwibala lemidlalo iNkowankowa Stadium eTzaneen ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kulenyanga yoKwindla. Ukanti imidlalo yona izakuqalisa ngokusesikweni ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwakulenyanga yoKwindla, kwaye umdlalo wokugqibela netheko lokuvala uzakuba ngomhla wamashumi amabini anethoba kweyoKwindla.
Umfanekiso ongasentla: Oomakhulu belungiselela ukhuphiswano
Imvelaphi yomfanekiso: NguNkhensani Mthombeni