
Ngu Everson Luhanga
Indoda yaseKenya eyafumana udumo ngokuzibiza ngoYesu wesibini ozayo emhlabeni, izifake engxakini enkulu: ibandla lakhe lifuna ukumbethelela emnqamlezweni ngelixesha lePasika!
AmaKrestu athi malunga neminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, uYesu wabethelelwa emnqamlezweni – kodwa waphinda wavuka emva kweentsuku ezintathu.
Kungoku nje ibandla likaMwalimu Yesu wa Thangole, osuka kwindawo seBungoma, lifuna ukwenza umqondiso ngoku, kwaye kutyholwa ngokuba liceba ukumbethelela kumnqamlezo ongowakhe.
Bathi ukuba ungu Yesu Khrestu, uzakuvuka ngeCawa yePasika.
Kodwa uMwalimu akawuthandisisi lombono. Woyikela ubomi bakhe, sele eyichazile lengxaki emapoliseni, ukhangela ukukhuselwa kubantu ebekade bemthandaza, bemkholelwa.
UMwalimu uthi uThixo wamnika eligama waphinda wamnika nomyalelo wokuba ashumayele iindaba ezilungileyo kwihlabathi liphela, njengenxalenye yomsebenzi wakhe wokusebenzela izulu.
“Ndingu Yesu Khrestu. Uninzi lubuza ukuba ingaba ndinguKhrestu ngokwenene na, kwaye ndiyaba qinisekisa ukuba ndinguye…Uyesu akangowelizwe elinye, ngowehlabathi liphela,” utshilo kudliwano ndlebe lwakutsha nje neqonga leendaba iAfrimax English.
Umfanekiso ongasentla: UMwalimu Yesu wa Thangole, ongu Yesu waseKenya, ukhangela ukhuselo lwamapolisa kwibandla lakhe kulePasika.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter