Usutywe kukufa ukapteni weRichards Bay FC

Ngu Razeen Gutta

Ngentseni yangoLwesibini unabelele uqaqaqa uKapteni weqela lebhola ekhatywayo iRichards Bay Football Club uSiphamandla Mtolo, emva kokuwa ngexesha loqeqesho lweliqela. 

Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anethoba udlale umdlalo wonke wemizuzu engamashumi alithoba edlalela iqela lakhe kumdlalo wempelaveki apho babethwe liqela iKaizer Chiefs, njengoko ebedlala umdlalo wesithandathu kule sizini. Kwintsuku nje ezimbalwa emva kwalomdlalo, eliqela likuqinisekise ukusweleka kwalo mdlali. 

“Kulunxunguphalo olukhulu ububhengeza ukuba iqela iRichards Bay Football Club lilahlekelwe ngomnye wabadlali balo basesiswini uSiphamandla ‘Spepe’ Mtolo, ovele wawa ngentseni yanamhla ngexesha loqeqesho,” itshilo imbalelwano ekhutshwe leliqela. 

Eli qela lithe alikho kwisigaba sokuba likhuphe iinckukacha ezithe vetshe malunga nokusweleka kwalo mdlali. Liphinde lacela uluntu gabalala ukuba luhloniphe, kwaye lunike usapho ixesha labucala. 

“Sizakubukhumbula ubukho bakhe ebaleni nangaphandle. Kwiingcinga zethu kunye nemithandazo yethu sonke kwiqela iRichards Bay FC sibeka usapho lwakhe, abahlobo nabo bonke abantu abamthandayo,” itshilo lembalelwano. 

Umfanekiso ongasentla: NguSiphamandla Mtolo

Imvelaphi yomfaneksio: @safootclassics