
Ngu Celani Sikhakhane
Ukungavisisani ngomhlaba kunye nempi yoshishino lwezithuthi zika wonke-wonke kufunyaniswe ukuba ngoyena nobangela wokubulawa kweenkokheli zemveli ezithe gqolo ukusweleka kwiphondo laKwazulu-Natal.
Oku kudizwe yinkulubaphathiswa yephondo laseKZN uNomusa Dube-Ncube, obethetha kwintlanganiso yekomiti yakhe epalamente ngoLwesihlanu.
Uthe amapolisa asaphanda amatyala angamashumi amahlanu okubulawa kweenkosi zomthonyama, asukela kunyaka ka2012. Ngamatyala ongezelelweyo angamashumi amathathu apho sele kukhona abantu ababanjiweyo kuwo ukusukela ngonyaka ka2022.
“Phakathi kwezizathu ezibangela kubulawe iinkosi yimbambano malunga nobukhosi, ukungavisisani ngamabango omhlaba, ukungavani okukhoyo kwiintsapho kunye nokungavisisani okunxulumene neshishini leetaxi,” uxelele lekomiti.
“kwintlanganiso nomkomishinala wamapolisa welaphondo uMajor General Nhlanhla Mkhwanazi, kufumaniseke ukuba amapolisa aphanda amatyala angamashumi amahlanu ananye, kwaye ngabarhanelwa abangamashumi amathathu asele bebanjiwe ukusukela ngonyaka ka2022, ngelixa amatyala alishumi elinesibhozo engekaqukunjelwa kwiinkundla zamatyala,” wongeze wenjenjalo.
UDube-Ncube uxelele lekomiti ukuba ucele umkomishinala wamapolisa ukuba aseke icandelo lokhuselo lweenkokheli zemveli elizakuqubisana neziziganeko.
Uthe elicandelo lizakwenza uvavanyo lwezokhuseleko kwiindawo zeenkosi namaphakathi azo, likhokhele ukubekwa kwabacuphi abazakuphanda lamatyala.
Kwinyanga ephelileyo, zinkokheli zemveli ezine ezihlaselwe kwiindawo ezohlukeneyo. Inye kuphela inkosi esindileyo kubantu ebebeyihlasela, kodwa amalungu amabini osapho lwayo athi asweleka.
IKumkani yamaZulu uMisuzulu kaZwelithini uvakalise inkxalabo malunga nokubulawa kweenkosii zemthonyama okuthe gqolo ukwenzelka kwelaphondo.
Ngethuba kuvulwa ipalamente yephondo, uKumkani wathi ufuna indibano ezakubandakanya nomongameli uCyril Ramaphosa, urhulumente kazwelonke kunye neziphathamandla zamapolisa ukuba zize nezicwangciso ezicacileyo zokuqubisana nalengxaki.
Kutsha nje, ezinye iinkokheli zemveli zivakalise izikhalazo zokuba, ukhuseleko lwazo lukhangeleka lungabekwanga phambili ziziphathamandla, xa kuthelekiswa and rmokhuseleko loosopolitiki.
UDube-Ncube uthe one abazukuvuma ukuba iphondo laKwaZulu-Natal libe likomkhulu lababulali abaqeqeshiweyo kunye nemipu eqeshiweyo ukuba ibulale abantu.
Umfanekiso ongasentla:Inkulubaphathiswa yephondo laseKZN uNomusa Dube-Ncube, umphathiswa worhulumento ngentsebenziswano nemicimbi yemveli uBongi Sithole Moloi kunye noKumkani uMisuzulu kaZwelithini.
Imvelaphi yomfanekiso: I-ofisi yenkulubaphathiswa