
Ngu Songeziwe Mapukata
Amalungu amahlanu osapho olunye eLusikisiki kweliphondo leMpuma Kapa adutyulwe abulawa ligquba lamadoda angaziwayo ezinzulwini zobusuku bangoMvulo.
Amalungu asekuhlaleni kwilali yaseLuphondo abaleke ayakufika kwindawo yexhwayelo emva kokuva izithonga zemipu, kodwa bafike amaxhoba sele enabele uqaqaqa kwaye abarhanelwa sebegcwele amathafa.
Omye wabantu bokuqala ukufika kwindawo yexhwayelo ibengu ceba uZamile Vatsha. Ulandelwe ngamapolisa, inkosi yendawo kunye nelungu lekomiti yeward.
“Kubantu abahlanu ababuleweyo kolwasapho, abane ngamanina, ze owokugqibela ibengumntwana. Umntu omdala kubo urhanelwa kwiminyaka engamashumi asixhenxe nangaphezulu, ibengamanina amabini aneminyaka eqikelelwa kumashumi amane,” utshilo.
Ngethuba loludubulo, abantwana ababini abaneminyaka esibhozo nononyaka bashiyeke bengenawo nomkrwelo.
Ngokokutsho kukaVatsha, abahlali bothukile, kwaye intliziyo zabo zidandathekile sesisiganeko.
Inkokheli yomthonyama yalommandla uNkosi Bathande Gebuza, uthe intliziyo yakhe yophukile sesisiganeko kwaye khange afune kuphawula kabanzi ngesisiganeko sokudutyulwa kwabantu kumhlaba wakhe, kwiqonga leendaba iScrolla.Africa.
“Akukhonto sinokuyenza, yimeko engekho ntle kwaye ibeka abahalali bebonke emngciphekweni. Akukho lali ingenazo iingxaki, kodwa le yenzekileyo iyothusa.”
Inkonzo yesipolisa kwiphondo leMpuma Kapa iqinisekisile kwimbalelwano eyikhuphileyo ukuba, amatyala amahlanu okubulawa kwabantu avuliwe kwaye ayaphandwa.
Amapolisa amemelela ukuba nabanina onolwazi olunokubangela ukuba kubanjwe abarhanelwa abangaziwayo, aqhakamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane naye.
Unobangela wokukubulawa awukaziwa okwangoku.