
Ngu Everson Luhanga
UNaledi Mfolo ebengumama oziqhenyayo wabantwana abathathu, ngentseni yangoLwesihlanu. Kodwa ithe iphela lempela veki kwabe kuthethwa enye into, njengoko utata wabantwana bakhe ebatyise ityhefu bonke ngaphambi kokuba athathe ubomi bakhe.
Emva kokutyisa ityefu abantwana bakhe ngoLwesihlanu, uEvans Hlangwane naye utye okukutya bekufakwe ityhefu yokubulala iimpuku kwilinge lokuthatha nobakhe ubomi.
Kodwa usindile, yena nomntwana omnye.
Amapolisa ambambe ngoLwesihlanu, kwaye ngempelaveki ubephantsi kweliso lamapolisa kwisibhedlele iEdenvale.
Kodwa ngoMvulo uNaledi ufumene umnxeba omxelela ukuba uEvans, uzibulele ngenene esesibhedlele ngokuthatha ishithi zesibhedlele azisebenzisileyo ukuzixhoma.
UEvans ebelindeleke ukuba ajamelane namatyala okubulala nokuzama ukubulala emva kokuba abantwana bakhe ababini bebulewe yityhefu abatyise yona. Ukusukela ngokuhlwa kwangoMvulo, omnye wababantwana ulwela ubomi bakhe esibhedlele.
Ethetha neqonga lendaba iScrolla.Africa, uNaledi uthe ukufa kuka Evans akwenzanga bulungiswa ngakuye nabantwana bakhe.
“Ndinemibuzo emininzi kakhulu. Kutheni ebulele abantwana bam? Benze ntoni ebangele ukuba babulawe?
“Abantwana bam bebekhala besifa, kodwa yena ebabukele bethatha umphefumlo wabo wokugqibela. Kutheni ebulele abantwana bam?” ubuze ephindelela.
Uthe ubenethemba lokuba iqabane lakhe elingasekhoyo lizakubanjwa, libekwe ityala kwaye livalelwe ezisele ubomi balo bonke ngenxa yento eliyenzileyo. “Kulilishwa kuba usweleke engakhange ohlwaywe,” utshilo.
UNaledi uthe ipolisa elingu mcuphi elimxelele ngokufa kuka Evans lithe, uzixhomile nangona ubephantsi kweliso lamapolisa.
“Kukholeleka ukuba uxelele amapolisa ukuba ufuna kucinywe umbane kwi ward yakhe, kwaye imilenze yakhe ibisabotshwe ngozankosi.”
Uye wasebenzisa ishithi yebhedi yakhe esibhedlele ukuzixhoma.
Uthi, bathe abongikazi abebeze kumjonga, bamfumana eswelekile kwaye babiza amapolisa abemgadile ngelixa esesibhedlele.
Intombi kaNaledi ekwazileyo ukusinda kwesisiganeko uBoitumelo, ukhutshiwe esibhedlele namhlanje – emva koko wafumanisa iindaba ezibuhlungu zokusweleka kwabantakwabo ababini.
Umfanekiso ongasentla: UEvans Hlangwane
Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe