Umphathiswa wombane: Ngusopolitiki osakhulayo onikwe uxanduva olungaphezu kwakhe

By Zukile Majova
Political Editor

UMongameli uCyril Ramaphosa unike uxanduva omnye wabanthenjwa bakhe umsebenzi wokusindisa eli kwinkqubo yokunqongophala kombane otyabula uqoqosho lweli imali efikelele ku R1 billion ngosuku.

UGqr Kgotsientsho “Sputla” Ramakgopa obeyintloko yezotyalo mali uchazwe njengomanejala onamava weeProjekthi, nangona engengomphathiswa. 

Indoda enamandla kwicandelo lezamandla, uGwede Mantashe okholelwa kakhulu kwimveliso zamalahle ingumphathiswa wezimbiwa namandla, waba ngumntu wokuqala ukumchaza njengo “manejala weproject”. Emva koko wathi akaphelelwa bubuthongo ngenxa yokumiliselwa komphathiswa wezombane. 

Ngokunjalo, uMantashe uphinde wabuyiselwa kwisikhundla sikasihlalo wombutho weANC, kwaye ukhokhele igqiza elinamandla elifuna ukuqinisekisa ukuba amalahle ahlala engundoqo wemveliso zamandla kwilizwe loMzantsi Afrika. 

URamakogopa, ngusihlalo okhutshiweyo kwingingqi yaseTshwane, kwaye akanawo amandla okuqubisana noMantashe ngokwezopolitiko. UMantashe kugxekwa yena ngokuhamba ngonyawu lonwabu inkqubo yokumilisela ukusetyenziswa kwamandla ahlaziyekayo, engunobangela kugcoliseko lomoya. 

Njengoko engu nombolo 49 kumalungu eANC NEC enamalungu ayi87, umanejala weprojekthi usemncinci kakhulu kwezopolitiko kodwa elahlelwe emlonyeni wengonyama. 

URamaphosa uyayiqonda imbambano ekhoyo ngokwezopolito malunga nolawulo luka Eskom kunye necadelo lezamandla. Noxakunjalo, “ukholelwa ukuba lendoda izakulikhokhela ngempumelelo elisebe kunye namaqumrhu abandakanyekayo ukusabela kulentlekele, asebenzisane neenkokheli zakwa Eskom ukutshintsha intsebenzo yamaziko okuphehla umbane kwaye akhuthaze ukunikezelwa kwezivumelwano zokuvelisa amandla amatsha”.  

Uthe: “Ukuze ongamele ngokupheleleyo inkxubo yokuqubisana nokushokoxeka kombane, umphathiswa obekiweyo uzakuba noxanduva lwezopolitiko, uzakuba namagunya kunye kwaye abe nolawulo kwimeko ezimaxongo malunga nezicwangcwiso zokuqubisana nokushokoxeka kwamandla.”

Njengomphathiswa wombane, uRamokgopa ulindeleke ukuba akhokhele ukuvuselelwa kwenkampani yakwa Eskom exabisa iR300 billion ikwazi ukwenza ingeniso, icuthe inkqubo kacimi danya wombane kwaye kubekhona uzinzo kwinkqubo yokunikezelwa kombane kwimizimveliso kunye nasemigodini. 

Umongameli uRamaphosa wenze esisibhengezo kwizindlu zomdibaniso ePitoli, ngobusuku bangoMvulo, uthembise ukuxhobisa ngamandla ongezelelweyo, amadoda akhe aphambili malunga nocimicimi  wombane, ngokuhambiselana nemeko yentlekele ejamelene neli. 

“Ukulungiselela umphathiswa akwazi ukwenza umsebenzi wakhe, ndizakubanikeza amandla athile kunye nemisebenzi ngokuhambiselana nemigaqo nkubo yayo, ndilawulwa ngusection 97 womgaqo siseko weli. 

Ukanti enye into emenza abe ethe-ethe uRamokgopa kukuba akanalwazi kwicandelo lwezimbiwa zamalahle, okanye icandelo lemveliso zombane kunye nemveliso zamandla ahlaziyekayo. 

Uxanduva lokuphelisa ucimi-cimi wombane luquka ukufumana inkampani ezakuhlinzeka izikhululo zokuphehla umbane zika, Eskom ngamalahle, akudidi lokuqala i-Aigrade. 

Icandelo lemveliso zamandla ahlaziyekayo lilindele ukuba umphathiswa omtsha, akhawulezise ukumiliselwa kwenkqubo ye Just Energy Transition exabisa iR155 Billion, ekhuthaza imveliso zamandla ngendlela ekhuselekileyo kokusingqongileyo. 

Umfanekiso ongasentla: UKgosientsho Ramokgopa obekwe kwisikhundla somphathiswa wombane y

Imvelaphi yomfanekiso: @Kgosientsho_R