
Ngu Khaya Ndaba
Njengo mzobi ophambili kulomdlalo, umboniso omtsha ovunyiweyo kaBuhlebezwe Siwani othi iYeza udlulelele eJohannesburg emva kokuqala ubomi eMpuma Kapa.
Usiwani oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, ngumzobi obonisa ubugcisa bakhe kwizinto ezinizi esebenzisa iintlobo ezohlukeneyo ukubonisa ubugcisa bakhe, kuquka isepha, iwulu kunye nomzimba wakhe.
Lemiboniso ethandwayo kakhulu ngabathandi bobugcisa kwiphondo leMpuma Kapa, imalunga nemeko yenkolelo ngoko moya, amasiko emveli, inkcubeko, imbali kunye nenkolo, ebonakaliswa ngomzimba womntu olibhinqa.
Umsebenzi wakhe uyaboniswa kungoku eStandard Bank Gallery, ukubhiyozela ukuchongwa kuka Siwani njengomntu omntsha kwezenkcubeko wonyaka ka2021 (iStandard Bank Young Artist for Visual Art 2021).
Umboniso othi iYeza ubonakalisa iinkumbulo zika Siwani, indlela ayihambileyo kunye nendlela enza ngayo izinto njengomntu onyanga abantu esebenzisa amachiza emveli.
“IYeza ithetha ngendlela zemveli zokuphila. Oku kuquka amanzi, umhlaba kunye nesibhakabhaka, ezibonakalisa into enokwenziwa yindalo kumaAfrika ukuphilisa imizimba yabo, ingqondo kunye nomphefumlo,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa.
USiwani uqukumbele izifundo zakhe zeBA Fine Arts ngonyaka ka2011 kwiziko lemfundo iWits School of Art, kunye nezifundo zeMasters in Fine Arts eMichaelis School of Fine Arts ngonyaka ka2015.
Waziwa kakhulu ngemidlalo yakhe yeqonga equka; othi Qinisa!, Black Heidi kunye nothi Zemnk’inkomo Magwalandini, apho asebenzisa uzimba wakhe njengomzobo ukubonakalisa ibali lakhe njengomntu womoya.
Umdlalo wakhe weqonga unika ababukeli imvakalelo namava aphangaleleyo, njengoko esebenzisa izinto ezifana nobulongwe, amanzi , imiboniso eshicilelweyo, umhlaba kunye nengca ukutshintsa ebonakalisa ulwazi oluthile ngezinto eziyinyaniso.
Emva kokubonisa eJohannesburg eRhawutini, umsebenzi kaSiwani uzakutyelela uboniswa eSouth Korea eBiennale eGwangju ngenyanga kaTshazimpuzi.
Unfanekiso ongasentla: NguBuhlebezwe Siwani
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe