
EZEMIDLALO: Ukuba itumente yeSevens iyafadala, ibhola yomboxo ifile. Itumente yebhola yombhoxo iSevens isengxakini kwaye idinga uncedo kubantu abakumanqwanqwa aphezulu. Ixabiso lemidlalo yegolide lisemngciphekweni, kulumkisa uLucky Maree.
Ukumangaliswa okukhulu, eLos Angeles iBlitzboks Express ihambe isonzakala yayokutsho kwibhulorho. Ukanti eVancouver, uloliwe wawela kwibhulorho waya kufika kwi canyon apho ibihamba nebhulorho.
Iingxwangxwaba kwinkampu yeBlitzbok ifikelele kwinqanaba apho abadlali beqalise ukuqhwaga, besilwa nabanye abadlali. Bathe abadlali baseCanada bakuqhula abadlali beloMzantsi Afrika, aba boMzantsi Afrika khange baphozise Maseko bangena ngqo emgibeni. Ngelixa abaseCanada bedinga ukukhunjuzwa ukuba ayiyiyo yonke imidlalo ebangumkhenkce okomdlalo weHockey, bekungafanelakanga ukuba eliqela liphendule ngoluhlobo. Kuquka uKapteni uSiviwe Soyisiwe naye ubeyinxalenye yalomlo wokukhombana ngeminwe. Ukanti lo ibingumdlalo wokuhlungela amaqela, kwisigaba seshumi elinesithathu.
Emva kwendebe yeveki ephelileyo, ilizwe loMzantsi Afrika lihle laya kutsho kwindawo yesixhenxe kuluhlu lwamaqela ehlabathi.
Kwiveki ezine, eliqela liya eHong Kong, kwikhaya letumente yeSevens, kodwa akukhonto ibonisa ukuba ukuziphatha gwenxa kweqela leBlitzbokz akuzuqhubeka.
Ngubani owaziyo ukuba bazakube bephi ngexesha lemidlalo yesehlotyeni ezakubanjelwa eFrance malunga nenyanga yeKhala ngonyaka ka2024?
Ukanti isifundo esidumileyo ekufanele sifundwe siyafana nesentombazana ethi kunina: “Mama ndivelelwe yingozi. Ndizakuba nomntwana.” Umama aphendule: “Khange uzikhusele usabelana ngesondo nomntu ongamaziyo odibene naye ebumnandini. Ubulindele ntoni? Umabona kude omkhulu?”
Ukubeka ityala umqeqeshi uSandile Ngcobo ngokwahluleka kweliqela, ukufana ncam nokugxeka uWayne Pivac ngokohluleka kweWales Rugby. Kuzakunceda ngantoni ukugxotha uPavic, unike umsebenzi wakhe uWarren Gatland? Yilonto kanye uGatland oya ekhangeleka ngathi ngumvundla ujamele isibane sokuzingela ethe (esidlangalaleni): “Ukuba ndandiyazile into eqhubekayo, ngendinga zange ndiwuthathe lomsebenzi.”
Bambalwa kakhulu oRassie Erusmus kwihlabathi liphela. ISevens ayinaye uRassie onokuyikhupha kulomgibe wesanti azika kuyo ngokukhawuleza. Kutheni ibhodi yelizwe loMzantsi Afrika kwibhola yombhoxo ingafaki isandla?
Kutheni iSevens iphathwa okomntwana wagaphandle kwibhola yombhoxo yelizwe loMzantsi Afrika, kuthathwa njengemfihlo. Kutheni itumente yeSevens ingathengiswa ezikolweni zamabanga aphantsi ngaphambi kokuba abantwana babe neminyaka elishumi elinesihlanu? Isevens kulula ukuyidla, bonke abadlali bathatha inxaxheba ngalo lonke ixesha, kwaye kulula kakhulu ukuyifunda nokuyi qeqesha. Kodwa lowo ngumbuzo wolunye usuku.
Ukuba itumente yeSevens iyatshabalala, nomdlalo wombhoxo uyatshabalala. Imidlalo yeSevens ayiyomidlalo mincinci ibekelwa bucala ekulindeleke ukuba abantu abambalwa abakhawulezayo bayidlalele ulonwabo. Lisebe lezemidlalo elingundoqo. Kukhona umntu okwindawo ethile ekufuneka eyiqondile lonto, kwaye kufuneka aphakamise iinyawo. UGatland akanokwazi ukulungisa iwales, kwaye UNgcobo ngeke azilungise iBlitzboks.
Ukulindela ukuba uRassie, lendoda yenza imimangaliso kwiqela leSpringboks, ukuba enze into enye kwakwi qela leSevens yinto engenokwazi ukwenzeka, Ulindelwe yindebe yehlabathi ekufuneka eyiphumelele.
Kodwa kufuneka umntu ozakuthatha iintambo, kwaye enze ungenelelo olukhulu olunika umkhombandlela ongcono, kwaye kufuneka oku kwenzeke ngoku. Kukhona imbasa yebhola yegolide esemngciphekweni
Umfanekiso ongasentla:
Imvelaphi yomfanekiso: