
Ngu Lungi Langa
Iintsapho zabahlobo ababini uBonginkosi Mazibuko kunye noMxolisi Msimango zithe esisibini besingumtya nethunga.
Bebevana ngohlobo lokuba, uthe uMsimango akudubula abulale umhlobo wakhe ngempazamo ngoLwesihlanu, khange acinge kabini wawukhomba kuye umpu.
Esisibini besisaziwa ngokudlalisana rhabaxa, kodwa besoloko bephela bonwabile kwaye bengabahlobo abasenyongweni.
UMazibuko oneminyaka engamashumi amathathu ananye, uthe akumisa isithuthi sakhe kwigaraji yaseTotal eNquthu kwiphondo laKwaZulu-Natal, wabe sele ekhona uhlobo wakhe elindele ukudibana naye – kwaye elungele ukuqhuba umdlalo wabo orhabaxa.
UMsimango oneminyaka engamashumi amane ananye, wancuma exelela umhlobo wakhe uMazibuko ukuba udinga imali.
“Awundazi ukuba ndinompu?” utshilo ekhupha umpu wakhe ewuphakamisela kuMazibuko.
Kuthe ngethuba esisibini sihleka sonwabile, umnwe kaMsimango wabamba indawo yokudubula ngempazamo, yabe kukusweleka kuka Mazibuko.
UMphositile Mazibuko, onguyise kaBonginkosi uthe, baxelelwe ngesisiganeko kwixeshana emva kokuba senzekile bakhawuleza baya kwindawo yexhwayelo.
“Sithe xa sifika babe sele beswelekile, omnye elele phezu komnye, ngendlela onokulindela ukubona kusenzeka ngayo kwizithandani,” utshilo lotata enyembezana.
Umzimba kaMxolisi ubulele ngaphezu kowomhlobo wakhe. Wothuswe sisenzo sakhe, wagqiba ngoko nangoko ukuba athathe ubomi bakhe.
“Kukhangelaka ngathi imbumbulu ibisalele kumpu wakhe, kwaye umhlobo wakhe khange aqaphele. UMxolisi uthe akukubona oku, wafaka ezinye iimbumbulu wazidubula naye, kwaphela ngaye.”
Umpostile uthe umntu oziboneleyo ukwenzeka kwesisiganeko uxelele iintsapho zalamadoda ukuba kwenzeke ntoni.
Uthe lamadoda mabini ebengabahlobo abasenyongweni isithuba esingaphezu kweminyaka elishumi. Badibana ngelixa babesebenzi kwinkonzo yezothutho kawonke wonke, apho uMxolisi ubesasebenza khona, ubengumnikazi wetaxi abeyiqhuba ngosuku lwesiganeko.
Umalume kaMzimango, uThemba Msimango uthe zombini ezintsapho zilahlekelwe kakhulu. Uthe wonke umntu ubeyazi indlela abasondelelene ngayo, akukhomntu ubenokucinga ukuba bazakuphela ngoluhlobo.
Uthe umtshana wakhe akubona into ayenzileyo, walila wathi, “Ndibulele umhlobo wam,” ngaphambi kokuba azidubule naye awele ngaphezu komzimba womhlobo wakhe.
Zombini ezintsapho ziyaqhakamshelana ukufumana iindlela zokupholisa amanxeba, njengoko zombini zichaphazelekile sesisiganeko.
Isithethi samapolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal uConsatabke Thenjiswa Ngcobo uqinisekisile ukuba amapolisa aseNquthu aphanda ityala lokubulala kwaye uxwebhu lophando luvuliwe. Uthe iinkcukacha ezirhangqe esisiganeko zisaphandwa.
Umfanekiso wokuqala: Umxolisi Msimango ozibuleleyo emva kokudubula abulale ngempazamo umhlobo wakhe uBonginkosi Mazibuko.
Umfanekiso wesibini: UBonginkosi Mazibuko odutyulwe wabulawa ngumhlobo wakhe, uMxolisi Msimango.