Kubanjwe umrhanelwa omnye kuwisiganeko sokubulawa kwabanntu abasibhozo eGqeberha

Ngu Anita Dangazele

Kwisithuba senyanga emva kokubulawa kwabantu abasibhozo kwitheko lokuzalwa Kwazakhele, amapolisa ephondo leMpuma Kapa abambe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu.  

Amapolisa enze ugqogqo kwindawo ekuhlala abarhanelwa abohlukeneyo abazimele kuthotho lwezindlu eWalmer eGqeberha ngoLwesihlanu, kodwa uninzi lwabo lukwazile ukubaleka ngaphambi kokufika kwamapolisa. 

Isithethi senkonzo yesipolisa kwiphondo leMpuma kapa uBrigadier Tembinkosi Kinana uqinisekisile ukuba icandelo elikhethekileyo lamapolisa lifumene umkhondo, malunga nendawo abazifihle kuyo abarhanelwa. 

“Bathe xa befika kulendlu, bafumanisa umrhanelwa omnye kuphela oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu. Emva kokuhlatywa ngemibuzo, kufumaniseke ukuba uyabandakanyeka,” utshilo uBrigadier Kinana.

“Umrhanelwa ubanjwe ngoko nangoko, wagcinwa kwisikhululo samapolisa iMount Road ukuze kuphandwe kabanzi,” utshilo uKinana. 

Amapolisa asakhangela abanye abarhanelwa abaqhweshe eWalmer ngaphambi kokufika kwamapolisa.

Ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyoMqungu, abantu abasibhozo badutyulwa babulawa, ngelixa abathathu kubo balimala ngokumasikizi kumsitho wokubhiyozela usuku lokuzalwa kukaVusumzi Sishuba owayegqiba iminyaka engamashumi amahlanu. UVusumzi Sishuba, ngomnye wamaxhoba awabulawayo kunye nomfowabo omdala uAndile. 

Umkomishinala wamapolisa wephondo, ubulele eligqiza liquka amacandelo ohlukeneyo liphanda elityala ngenxaxheba abayidlalileyo ukuqinisekisa ukuba kufumaneka ukhombandlela kwelityala. 

“Ndinombulelo kwiqela lam ngokuba kubekhona umntu obanjwayo. Oku kusasomeleza kwinzame zethu ukuba, sizakude sibafumane ababulali, ukuze sifumanise unobangela,” utshilo uLieutenant General Nomthetheleli Mene.

“Sifune ebarhanelwa abashiyeke ngaphandle bafunyanwe – ngokukhawueza – ukuze iintsapho zikwazi ukuxola kwesisiganeko sibi kangaka.”

Umrhanelwa obanjiweyo, ogama lakhe linkonyiweyo okwangoku, uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eNew Brighton ngoMvulo, ngamatyala ahambelana nokubulala. Amapolisa azakusiphikisa isicelo sebheyile. 

Nabani ba onokuncedisa ngomkhondo wabarhanelwa abahlanu ababalekileyi uyacelwa ukuba aqhakamshelane nomcuphi wecandelo lophando lolwaphulo mthetho olucetyiweyo, uDetective Captain Sitole ku082 457 2812 okanye atsalele umnxeba wokulwa ulwaphulo mthetho ku 086 00 10111.

Umfanekiso ongasentla: Uzi waKwazakhele apho kwadutyulwa kwabulawa abantu ngomhla wamashumi amabini anethoba kweyoMqungu. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele