
Ngu Micheal Madyira
Lisebenze nzima libonakalisa ubukroti iqela leStellenbosch ngengoko ligxobhe irekhodi leMamelodi Sundowns lokuphumelela imidlalo elishumi elinesihlanu ye Premier Soccer League, emva kokuba lamaqela edlale ngokulinganayo ngenqaku macala kumdlalo obudlalelwa kwibala lemidlalo iDanie Craven ngeCawa.
Emva kokuba uCassiun Mailula esuke esitulweni engena ebaleni elungiselela ukunceda iqela lakhe liye kwimpumelelo ngaphambi komzuzu wamashumi asixhenxe anesixhenxe. UIqraan Rayners ukwazile ukufumanela iqela lakhe laseKapa ipenathi, sele kusele imizuzu emithathu uphele umdlalo.
Oku kubangele isiphelo esibi kwiqela laMasandawana elibonakalise uburhalarhume kwimidlalo yasekhaya, kodwa afumana iStellenbosch ingagungqi, ibenokwazi ukuphumelela lo mdlalo.
Noxa kunjalo, iSundowns ehleli enkcochoyini yeLog isazingca ngokuba isonwabela impumelelo engalibeki phantsi koxinzelelo eli qela , nangona lidlale ngokulingana kulo mdlalo.
Iqela laseStellie liye kumdlalo wangeCawa emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana, kwaye basesesiphakathini kwi log emva kokuba eliqela lizifumanele inqaku elinye.
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena uye kulo mdlalo enokuzithemba okugqithisileyo njengoko othuse ngokunika umdlali oneminyaka elishumi elinesibhozo uNtando Nkosi ukuba abe ngomnye wabadlali abazakuqala omdlalo.
Kuphinde kwakhona ukungqheleki njengoko uTerrence Mashego ongumdlali wangasemva, uReyaad Pieterse ongunozinti kunye noCoetzee bebekubadlali bokuqala abavule lo mdlalo okokuqala kulesizini.
Abadlali abaqhelekileyo abafana nokapteni webafana Bafana uRowen Williams, uThemba Zwane kunye noMarcelo Allende bebephumlile, ngaphambi komdlalo wempela veki ezayo weCAF Champions League kunye neAl Ahly.
Umqeqshi weStellis uSteven Barker ukhethe abadlali abaqhelekileyo abalishumi elinanye abazakuqala lomdlalo, bekhokhelwe ngumdlali ojongwe liqela leKaizer Chiefs uJunior Mendieta kunye noSibongiseni Mthethwa.
Ithuba elihle lokuqala leqela leSundowns lifike kanye xa kusele imizuzu emihlanu ngaphambi kokuba kuphele isiqingatha sokuqala, ngethuba bekusele kancinci ukuba abone umnatha uThapelo Morena emva kokuncedwa nguPeter Ahalulile, othe naye waphanza ukufaka inqaku kumzuzu emva koko ngethuba ejamelene nonozinti.
Kodwa ingozi ibibonakala isiza ngakwiqela elisingethe lo mdlalo, kwaye kwimizuzu elishumi siqalile isigaba sesibini, uMendieta ushote nje kancinci ukuba angalifaki inqaku njengoko ubekhaba ingendlela yebhayisekile.
UMailula uye wagqibezela ibhola ephanzileyo kaShalulile ngokuyi thubelezisa iyofika ebholisini idlula kubadlali abaninzi phanbi kwakhe, ukuze iyofikelela ebhokisini.
Iqela laseStellenbosh belingazibekanga phantsi likhangela inqaku, liye lafumana imbuyekezo ngenzame zalo ngethuba uVan Wyk efumanela iqela lakhe ipenathi, emva kokuba edlaliswe kakubi nguSipho Mbule engaphakathi ebhokisini.
URayner ungenelele ekhaba inqaku ekwindawo esecaleni ebhokisini njengoko uninzi belubukele, kwaye kuthe kusenjalo uTeboho Mokoena wavalelwa ngaphandle ngelixa uPieterse elibambile inqaku lika Rayner ebejamelene naye.
Ufanekiso omgasentla: Iqela iStellenbosch FC iqubisana neSundowns
Imvelaphi yomfanekiso: Mamelodi Sundowns