
Ngu Razeen Gutta
Imbali yebhola ekhatywayo ibhalwe ngokutsha kwibala iAnfield, kwaye namarekhodi ophulwe ngokungena lusini ngolusuku.
IManchester United izikhotha amanxeba emva kokuqwangqululwa ngenduku liqela leLiverpool, ngethuba ibethwa ngamanqaku asixhenxe kwimbande yesikhova ngendlela ebingakholeleki.
Eliqela liphezulu iMan United libethwe kwaboniswa ngalo, njengoko belihlaziswa liqela elomeleleyo ekukudala lakhuphisana nalo, kumabala emidlalo iAnfield.
Iqela likaJurgen Kloop elinezinxibo ezibomvu ibililo ebelilawula ibhola kumdlalo obubanjelwe eAnfield,
Iqela leLiverpool likwazile ukuwulawula umdlalo, kodwa khange likwazi ukuhlola uDavid de Gea kwiqela eliphikisayo kwade kwabe siyaphela isiqingatha sokuqala. Kodwa bathe apho bawubone khona umnatha khange baphinde baphulukane namathuba.
UCody Gakpo ulibeke phambili eliqela ngaphambi kwekhefu sokuqala, kwaye omabini lamaqela ebesesethubeni elihle. Ukanti oku kuthintelwe ngoko nangoko liqela lika Erik ten Hag elifike lebhola isesiphakathini layikhuphela.
Kafutshane nje emva kwekhefu, uDarwin Nunez ufake amanqaku amabini, kwaye uGakpo ufake elesithathu kumzuzu wamashumi amahlanu uqalile lomdlalo. UMohamed Salah ubekhangeleka esemfuthweni, ebaleka ngokukhululekileyo kweminye yemidlalo apho adlale kakuhle kuyo.
Lo mdlali welizwe laseYiphutha uve intsholo yengoma yakhe isitsho njengoko efake inqaku lake lesine nelesithandathu apho abe ngumdlali ohamba phambili ngamanqaku, kwi Premier League.
Ibiyinto engalindelekanga kubalandeli beUnited, abathe bakubona uSalah ekhulule isikipa bakhawuleza baphuma kwicala lika Mersey.
UNunez ufumene inqaku lakhe lesihlanu, kwaye waqinisekisa isiphelo esingakholelekiyo seqela likaRoberto Firmino kumdlalo wakhe wokugqibela ne United, wafaka nenqaku lokugqibela.
Ukanti iqela leUnited kwelalo icala belibile limanzi, njengoko iLiverpool ibixele izinyo liqaqamba. Abadlali babo bangasemva bebesohluleka kwaphela.
Indlela elidlale ngayo iqela likaBruno Fernandes ichazwe njengehlazo, yingcali uGary Nevulle. Ukapteni weliqela uwe phantsi engakhange azame emva kokuba edlale kancinci neqela le Liverpool, wanyanzelisa ukuba akhutshwe kulo mdlalo emva kokuba befake inqaku lesithandathu.
Iqela leLiverpool lityikitye eyona mpumelelo yake yabankulu idlala neManchester United, ngelixa iRed Devils zifumene uloyiso olukhulu kakhulu kwimbali.
Ibibubusuku bokutshintsha iincwadi zemvelaphi ngokuqinisekileyo, kwaye izakubeka ibala kwiqela leUnited.
Umfanekiso ongasentla: ILiverpool namanqaku asixhenxe ngelixa iManchester United ineqanda
Imvelaphi yomfanekiso: @1Mmnb