
Ngu Buziwe Nocuze
Ezi ayizizo iimpethu onokulindela ukuzibona esikolweni.
Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo iPhandulwazi Secondary eseLower Crossroads eKapa, baphantse bakugabha ukutya kwabo kwangokuhlwa emva kokufunyaniswa kweempethu eziphilayo kukutya okuphekwe sisikolo kulungiselelwa bona ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo,
Umfundi oneminyaka elishumi elinesixhenxe othethe neqonga leendaba iScrolla.Africa uthe, bazive benomsindo kwaye besonyanya emva kokubona umgqusho wabo uhanjwa ziimpethu.
“Sonke besinomsindo kuba bekungenzeka sife. Ukuphaka ukutya okuneempethu kubonakalisa ukunganaki kwabantu abasebenza ekhitshini.”
Ngoko kutsho kwabafundi, ukufunyaniswa kwezimpethu ekutyeni kwenzeke emva kokuba abanye babo sele bekutyile. Baye baxelela inqununu yesikolo ngale meko, nayo yabe yothukile zezingxelo.
UZukiswa Mgidana, ogumzali oxhalabileyo, ufuna esisikolo sithathe amanyathelo ngakubapheki. “Oku akwamkelekanga, kucacile ukuba kudala betyisa abantwana bethu ukutya okuneempethu, kukuba nje kweli ityeli abantwaa babenentlahla bazibona.”
Isithethi sesebe lezemfudo kwiphondo leNtshona Kapa uMillicent Merton uqinisekisile ukuba umhloli ojongene nekqubo yokutyiswa kwabantwana ezikolweni, ukhawuleze waya kwesisikolo emva kokuba inqununu ixele ezingxelo zempethu.
Eligosa lijonge zonke izinto zokutya ezikwigumbi lokugcina ukutya lafumanisa ukuba akukho kutya kuphelelweyo. Esisikolo sinikwe ulwazi malunga nokuqinisekisa ucoceko lwegumbi elihlala ukutya.
UMgidana ukholelwa ukuba indawo ehlala ukutya yiyo emdaka, kwaye isikolo sidinga ukuba silicoce ngaphambi kokulungisa ukutya. “Babenentlahla kwelityeli kuba akukhomntwana ugule ngamandla, kodwa ukuba bayaqhuba ngalendlela kwixa elizayo ngeke babenentlahla.
Esisiganeko sishiye abanye abafundi benomothuko, kwaye omnye wabo uthe kungcono angatyi alambe kunokuba atye ukutya kwesikolo kwakhona.
“Ukusukela ngolwasuku, kunzima ukutya kubangathi yonke into endiyifaka emlonyeni iinempethu”
Umfanekiso ongasentla: Abafundi basePhanduPhandulwazi Secondary eLower Crossroads, eKapa.
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze