
Ngu Zukile Majova, Political Editor
Ayingo Eskom kuphela. Iinkokheli zombutho weANC zibandakanyeka ngokubanzi kutyhuthulo lwezimali nakwi nkampani yakwa Transnet.
Inkampani yakwaTransnet isetyenziswe ngokufanayo nenkampani yakwa Eskom – nangona umonakalo kuyo ungabonakali ngamandla. Lenkampani yemizila namazibuko ayikwazi kumelana nobuninzi bomsebenzi ekufuneka iwenzile, nto leyo yonzakalisa icandelo lezimbiwa kuba alikwazi kuthumela iimveliso kumazwe angaphandle, kwaye uku kutyabula uqoqosho lweli izigidi zeerandi.
Isiqingatha sesibini sengxelo ka Chief Justice Raymond Zondo, emalunga nokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente weli ngamaqumrhu abucala, lengxelo ibeka gabalala ngokwe sahluko nevesi indlela abancedisa ngayo umongameli wombutho weANC, abaphathiswa kunye nabasebenzi abakumanqwanqwa aphezulu ukuze inkampani zakwaGupta zikwazi ukutyhuthula imali kwaTansnet.
Kwibholo lenkampani yakwaTransnet, lengxelo ikhomba lowo wayesaya kuba ngumongameli uJacobZuma, nalowo wayengumphathiswa uMalusi Gigaba kunye noLynne Brown abathatha inxaxheba ukuceba iyelenqe lokutyhuthula iibillion zeRandi kulenkampani ilelinye lamaqumrhu karhulumente.
Ziinkokheli eziphezulu kumbutho weANC ezibandakanyekayo, kuquka nosihlalo walombutho uGwede Mantashe, osele enikwe uxanduva lokukhokhela isigqeba esinikwe uxanduva lokuhlangabezana sivelise iindlela zokukhawulelana nokunqongophala kwamandla kweli.
Lengxelo igxile ukubonakalisa ukuba benza njani abakwa Gupta ukweba imali efikelele kuR300 billion kwaTransnet eyayibekelwe iintengo, bencediswa nguBrian Molefe owayeyingqonyela kunye nentloko yezezimali weliqumrhu uAnoj Singh.
Akupheleli apho. Le ngxelo ibandakanya amalungu eANC afana nalowo wayengumphathiswa wesebe lobulungisa umphathiswa uJeff Hadebe kunye nalowo wayeyintloko kwa SANDF uGeneral Simphiwe Nyanda, ukunyanzelisa ukuba kuqeshwe abantu abafana noMolefe abazakusetyenziswa ngabakwaGupta.
INgxelo kaZondo ikhomba ezizikhulu zeANC, ezibandakanyekayo ‘kwiyelenqe elicwangcwisiweyo” elenzelwe ukwehlisa imali ngomlenze kunye nobuqhophololo bokulawula izigqibo.
UZondo uthe: “Inkampani yakwa Transnet yaba yeyokuqala ukusetyenziswa ukusenga ovimba beli xakuthethwa ngokubanjwa ngobhongwane ngokwezimali.”
Kweliyelenqe abakwa Gupta bahamba nemali efikelele kuR7.32 billion, besebenzisa inkampani iChina South Rail Corporation kunye neChina North Rail Corporation.
Noxakunjalo, inkampani yekwaEskom iseyiyo ehamba phambile kumaphepha ndaba.
Unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula, kuleveki unyanzelise uAndre de Ruyter obasaya kuba yingqonyela yakwa Eskom ukuba anikezele ngobungqina bokuba umbutho weANC namalungu awo aphezulu axhamla kubuqhophololo obenzekayo kwaaeskom.
Kungoku nje uDe Ruyter uneveki enye yokuba aphendule kwincwadi ayifumene kumagqwetha ombutho weANC.
Kodwa uMbalula kunye neANC sele benenqwaba yobungqina obubonakalisayo ukuba amalungu aphambile kulombuto ayitya njani imali, okanye azincedisa njani iinkampani ezisebenzisana nabakwa Gupta ukuba zebe I,ali kwinkampani zombuso weli.
Ukanti ilizwe liyakhumbula ukuba inkampani yotyalo mali yeANC iChancellor House yayinceda njani inkampani yaseJapan iHitachi ukuba ifumane isiniki maxabiso seR38 billion saseMedupi naseKusile.
Inkampani yakwa Eskom kudala isiba noomanejala abohlukeneyo, kodwa akhekho owenze umsebenzi omninzi ukodlula uDe Ruyter ukufumanisa, nokuxela ulwaphulo mthetho kwa Eskom.
Wayexhalabile kuba ebona imali engaphezu kuka R1 billion ityhuthulwa koovimba benkampani yakwa Eskom inyanga nenyanga. UDe Ruyter waxela oku kumphathiswa wamaqumrgu ka Rhulumente uPravin Gordhan, ongumphathiswa omele urhulumente kwaEskom okwatyale imali kulenkampani.
Waphinde waxela uthungelwano lwezenzo zolwaphulo mthetho olwenziwa zinkampani ezisebenza kwimigodi yamalahle eMpumalanga, exela kumkonishinala wamapolisa uGeneral Fannie Masemola.
UMasemola kwelinye icala, wayesele exelelwe ngamalungu amabini amadala kumbutho weANC asebenza negquba lezizikrelemqa.
Umzobo ongasentla: Indlela ethungelana ngayo imali eyebwa kulenkampamo
Umzobi: NguTinus Horn