
Ngu Bathandwa Ndlangisa
Usomashishini uTshego Mathe uzokwenza imbali okokuqala ngokuphehlelela ukhuphiswano loonobuhle, oluzakuvuleleka kumanina anolwazi lomtshato kuphela.
Olukhuphiswano luvuleleke kubantu abatshatileyo, asele bohlukene nabalingani ebebetshate nabo kunye nabahlolokazi baseSoweto kuphela.
Injongo yolukhuphiswano kukuxhobisa amanina, nokubhiyozela izakhono zawo ezohlukeneyo, kwaye uMrs Soweto uzakujongana ngqo nokulwa imicelimingeni eyimiqobo kwimpilo yamanina kunye namabala abekwa amanina atshatileyo.
Kudliwanondlebe olukhethekileyo neqonga lendaba iScrolla.Africa, uMathe udize ukuba ukhuphiswano luka Mrs Soweto lwenzelwe ukunika ithuba kumanina aqhelekileyo ukuba abhiyozele impumelelo yawo nokuba ingakanani na, okanye imile njani na kwaye nokuba imvelaphi yawo injani.
“Sifuna ukubhiyozela ukwahlukahluka kwamanina aseSoweto, sibonakalise ukuba ubuhle bufumaneka ngokwendlela ezohlukeneyo kunye nemilinganiselo eyohlukileyo. Sifuna ukuqubisana neenkolelo eziqingqiweyo ngobuhle, azibona enyanzelekile amanina ukuba makazilandele kwaye sibhiyozele ubuntu babo ngokwahlukeneyo,” utshilo uMathe.
UMathe unethemba lokuba olukhuphiswano aluzuveza elibala izakhono zabagqatswa kuphela, kodwa luzakuza nophuhliso olubonakalayo kwindawo abahlala kuzo.
“Into endifuna ukuyibona luphuhliso oluzakwenzeka kwingingqi abahlala kuzo abagqatswa kunye nabazikhethileyo,” utshilo.
Unethemba lokubamba olukhuphiswano unyaka nonyaka.
“Olu lutshintsho oluzakuqhubeka, ukuze unyaka nonyaka sikwazi ukubuyela kwezingingqi silubine, sitsho ukuba abagqatswa bonyaka ka2023, nantsi into abayenzela uluntu lwasekuhlaleni.”
Ngethuba echaza kabanzi ngezicwangcwiso zexesha elide zikaMrs Soweto, uMathe uthe: “Sifuna ukunika abagqatswa zonke izixhobo nenkxaso abayidingayo ukufezekisa injongo zabo, nokuba kukuqhubela phambile nezifundo zabo okanye ukuqala amashihsini abo. Sikholelwa ukuba ngokuxhobisa amanina, sixhobisa ingqingqi iphelele.”
Ukhuphiswano luka Mrs Soweto kulindeleke ukuba luphehlelwe ngoMgqibelo umhla wesine kweyoKwindla, kwindawo i-Ubuntu Kraal.
Ngokuka Mathe, ukuphehlelwa kuka Mrs Soweto akukho malunga nokubhiyozela amanina aseSoweto kuphela, kodwa kukubonakalisa amandla oluntu lwasekuhlaleni nokubaluleka kokuxhobisa amanina kwilizwe loMzantsi Afrika liphela.
Umfanekiso ongasentla: NguTshego Mate.