Isichotho sibashiye bephandle abahlali baseMaxesibeni 

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Baphantsi koxinzelelo abahlali bephondo leMpuma Kapa njengoko besiba ngamaxhoba eenkqwithela nezichotho ezibangelwa lutshintsho lwemo yezulu. 

NgoMvulo uninzi lwabahlali kwilali yaKwagogela eMaxesibeni basele bengenandawo zokufihla iintloko, emva kokuba amakhaya abo onakaliswe sisichotho.  

Ababahlali banyanzeleke ukuba bakhangele ezinye iindawo zokufihla iintloko. 

UNosiphelele Ngxabi uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba isichotho esigqugqise isithuba seeyure ezintathu sibashiye nomonakalo omkhulu. 

“ndinezindlu ezintandathu kwam, zonke zishiyeke zinemingxuma emikhulu emazinkini. Amanzi emvula angene egaleleka ngalemingxuma,” utshilo. 

UNgxabi nosapho lwakhe kunyanzeleke ukuba acele indawo yokulala kubamelwane. 

“Sinyanzeleke ukuba sikhangele abamelwane abangamoshakalelwanga njengathi, ukuze sikwazi ukuba nendawo yokuzimela,” utshilo uNgxabi. 

“Ukucela indawo yokulala kumakhelwane unosapho lwabantu abakuthoba akukho lula kwaphela, kodwa basincede kakhulu,” wongezile. 

UNgxabi uthe yena nomyeni wakhe baceba ukuthengisa iibhokwe ezine okanye ezintlanu kwisibaya sabo, ukuze bakwazi ukufumana imali yokulungisa izindlu zabo. 

Nangona umyeni wakhe engekafumani mntu uzakuzithenga, bazakuqhubeka bekhangela kuba banayo enye indlela yokufumana lemali idingekayo. 

UNosibonelo Dungane, ongomnye wabahlali uthe kwizindlu zakhe ezine, bakwazile ukupetsha indlu ebinemingxuma embalwa kwenye yezindlu zakhe.  

“Sibathandathu kusapho lwam sinyanzeleka silale kwindlu enye, kuba ezintathu [izindlu] zimoshakele. Iimpahla zethu zendlu zizaku bola ngamanzi emvula,” utshilo. 

Isithethi somasipala wesithili iAlfred Nzo uLixolile Phethela uqinisekisile ukuba esisichotho sonakalise ngokupheleleyo amakhaya alishumi elinesixhenxe. Uthe umasipala uyaqhuba nokuhlola umonakalo kwaye kungenzeka elinani lonyuke. 

“Njengomasipala, sikwazi ukunikezela ngonce0do lokuqala kwabo bangenanto, sibanika iingubo neziponji, ukuze bathi noba balala komakhekwane ibe ikhona into abayiphetheyo,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa. 

UPhethela uthe umasipala uzakuqokelela zonke inkcukacha azithumele kwisebe lozinziso loluntu lephondo. Uthe leli sebe elikwaziyo ukuhlola libhengeze londawo njenge jamelene nentlekele, emva koko kuqalise iinkqubo zokulungiselela ukwakhiwa kwezindlu kusakhelwa maxhoba. 

“Inkqubo yesinxephezelo sentlekele zihamba ngonyawo lonwabu, ekuyinto esiphathisea ngentloko nathi kuba abantu balinda iminyaka ngaphambi kokuba bafumane olunncedo. Kungoku nje abantu ababe welwe zizindlu kwimpuphuma zenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, abakafumani zindlu,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Intsalela zemoto esinde kwisichotho sakutsha nje Kwagogela eMaxesibeni, kweliphondo leMpuma Kapa.

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe