
Incwadi evela eLimpopo: UThabiso Sekhula ucinga ngeenkumbulo zakhe zokuqala zomculo kwaye uthi iStep, ngowona mdaniso umandi kuye kuba udibanisa abantu ukodlula ibhola ekhatywayo, eyombhoxo kunye nokoja inyama zidityanisiwe.
Ulonwabo lwethu lunento yokwenza nomculo nokudanisa.
Kuyoyonke indlela endiziva ngayo, namahla ndinyuka kusoloko kukhona ingoma ethile. Xa ndandibeleka intombi yam kwiminyaka emine edlulileyo, icwecwe likaBurna Boy elithi African Giant laligqiba kukhutshwa, kwaye elicwecwe yayililo endandilidlala ndikhulelwe ndade ndabe ndiyabeleka.
Ndisakhula, ngentsuku zangoMgqibelo xasicoca ekhaya, mna, umama nosisi bam sasisoloko sidlala amaculo aseRoma qho sicoca indlu yasekhaya. Kude kube namhlanje, engqondweni yam ndisoloko ndiculela phantsi lamaculo ngalo lonke ixesha ndithatha imophu ndizococa.
Kwaye ubuhlobo bam ndisafunda kwisikolo samabanga aphakamileyo, babuxhomekeke kwinto yokuba uneengoma ezingaphi kwincwadi yakho yomculo, kunye nokuziqeqesha ukumdaniso okhoyo ophambili welaxesha.
Ngokwamazwi adumileyo omthathi wemifanekiso uTC Maila, othatha eyona mifanekiso mihle yabadanisi bemveli beSepedi ayilungise ibemihle ngendlela engalibalekiyo, esebenzisa isibane kunye nemibala eyohlukeneyo. “Ayixhomekekanga kuthi into eyenziwa ngumculo kuthi”.
Kuleveki bendifuna ukubuyela mandulo, ndimamele umculo wakudala, hayi lomculo ndizakuwumamela kunomathotholo okanye kumabona kude, kodwa ndifuna umculo endizakuwubukela udlala endikhule nawo kunye nayo yonke into oyimeleyo.
Xakuphela unyaka emakhaya kwakungathi kuseqongeni. Ngelixesha abantwana bangena emigaqweni ngosuku lwekhrismesi benxibe impahla ezintsha, kwakusoloko kukhona amagubu kunye nohadi lwe Kudu oludlalwayo.
Kwisitalato nesitalato kwakukhona imibhiyozo, kukhala umculo kwaye kudaniswa, kwaye kwakungabalulekanga nokuba uyawazi okanye awuwazi umzi osingethe lomsitho. Ukukhala kwamagubu kunye nokungcangcazela kohadi kuko okwakubiza abantu badibane. Ezi zingcinga zam zakudala zendawo endikhulele kuyo.
Omama abadala babenxiba idituku tša Sepedi, amalaphu okuzijikela anemibala, afakwe amaso kunye neteki emzimhlophe Qhwa. Esizikithini seyadi, babezenzela isangqa esasisenziwa ngamagubu.
Badedanisa emhlabeni ongenangca, kunyuke ilifu elingqingqwa lothuli – olubonakala ngathi nalo lunendlela yalo yokudanisa, njengoko lubuyela kwiteki zabo ezimhlophe, okanye luphazamise abantu ababukeleyo. Sonke sasisonwatyiswa yindlela abadanisa ngayo njengoko omnye nomnye wabo wayedanisa ngathi akasaziva.
Indlela yokudanisa yayisoloko iqala kancinci, iye isonyukela kude kufikelele apho kubonakala ngathi imilenze yabo ayibonakali xabe betha phantsi, nto leyo yenza esinye isingqi esihambisana namagubu.
Amadoda ayefika angenelele ngokukhawuleza emva koku, bebizwa kukukhala kohadi lwekudu oluvaka esibhaka bhakemi. Amanye amadoda ayengena adanise idinaka/kiba ekungumdaniso owenziwa ngamadoda esebenzisa iinyawo kunye nomzimba – apho baxuba ukutaka ngokukhawuleza kunye noku ngqisha phantsi.
Ngokuya ndikhula ndisiba mdala, ndifunde ukuba imidaniso akuyonto njenziwa njee, ngumyalezo, okanye umthandazo iyinxalenye yamasiko nemibhiyozo.
Babedanisa isithuba esingange yure, bexhuma bayephezulu njengamadelakufa kaMaasai, benze ubuso obufana nobabantu abasempini, bephosa imizimba yabo phantsi, kukhangeleka ngathi kubuhlungu kwaye kwakungekho mntu woyikayo okanye usezintlungwini ngulomdaniso.
Lemidaniso nokukhala kwamagubu kwakusoloko kubiza imvula. Umhakhulu wam wayedla ngokubiza idinaka tša pula, uhadi lwemvula. Abantu abadala ababezifihla phantsi kwemithi ngelixa thina sasiba manzi kwimpahla zethu zeKhrismesi. Ngokuqinisekileyo kwakusoloko kunetha xakusondele iKhrismesi, kodwa ndikhetha le ihamba nemilingo.
Ngethuba lokubhiyizela iiholide yayiba lelona xesha lokonwaba kuthi, kuphume nexhibelani.
Lemidaniso idaniswa kulemibhiyozo ikhokhelwe ngo anti bosapho. Ibonakalisa amaxesha olonwabo, ukudibana ndawonye okanye ukubhiyozela into ethile. Ngomnye wemmidaniso eyosulelayo, ongasoze uwenze ungancumanga. Kumdaniso owenziwa udume kulutsha lwalemihla yimvumi uSho Majozi.
Kodwa kungenzeka ukuba owona mdaniso ugcine ezonankumbulo zolonwabo lwam ndisengumntwana yi The Step, umdaniso woMzantsi Afrika omemelela wonke umntu ukuba makazodanisa esitikini. IStep sidibanisa abantu ukodlula ibhola ekhatywayo, eyombhoxo kunye nokpja inyama.
Soze ungakwazi ukuwuqonda umdlalo weThe Step. Lomdaniso uqala ngeculo elididiyelwe eMzantsi, elifana neleMafikizolo elithi “We buti ngihamba nawe”. Akukho kwamntu uzakuthetha nto: lomdaniso uzakuqala ngomntu omnye, kude kube wonke umntu okhoyo kulondlu uyinxalenye yawo.
Kufuneka uyenze ukuze uve umlingo womculo osishuhsumbisela ukuba singene esitikini, kwaye imizuzu nje emithathu idlala isenza sibe banye – kwaye sonwabe ngohlobo lokungakwazi kuzibamba, kangangokuba ukuba asidanisi singaqhashumba.
Umfanekiso ongasentla: UThabiso, ngowesine ukusuka ekhohlo, kunye nosisi bakhe kunye nomama wakhe ngethuba usapho lubhiyozela iKhrismesi.
Imvelaphi yomfanekiso: NguThabiso Sekhula