
Ngu Michael Madyira
Emvakokubethwa kabuhlungu ngenqaku eqandeni liqela le Kaizer Chiefs kwiveki ephelileyo, iqela leOrlando Pirates lizakube lijonge ukubuyisa iikomityi ukuvuselela ukuqaqamba kwalo kumdlalo wangolwesihlanu, apho lizakube lidlala neqela lamandulo iSwallows FC.
AmaBuccaner enza utyelelo olufutshane oluya kwibala lemidlalo iDobsonville Stadium apho lizakudlala umdlalo wePremier Soccer League wokuzixolisa neqela le Swallows, kumdlalo owaziwa njengawona lona dabi laseSoweto.
Longumdlalo webhola ekhatywayo wakudala welizwe loMzantsi Afrika phakathi kwamaqela awamiliselwa ngokushiyene ngeminyaka elishumi.
Iqela leOrlando Pirates lizakube lijionge ukuzihlangula kumdlalo wangolwesihlanu, kuba licatshukiswa kukubethwa liqela leKaizer Chiefs kumdlalo wedabi laseSoweto, libethwa ngenqaku elifakwe lilo kunozinti wePirates.
Lizakube liqubisana neqela leSwallows elibaleka ukukhutshelwa ngaphandle kwimidlalo yePremier Soccer League, elihleli kwindawo yeshumi elinesine kwilog namaphuzu amaninzi ngesithandathu xakuthelekiswa neqela elisemsileni kwilog iMarumo Gallants.
Uloyiko lweqela leSwallows ukukhutshelwa ngaphandle kulemidlalo kungenza ubenzima umdlalo kwiqela lePirates.
Kodwa nawo amaBuccaneer azakube ebaleka elinye ihlazo kwimidlalo yedabi, kuba oku kuzakuba buyisela emva njengoko bejonge ukuhlala kwindawo yesibi.
Ukanti iqela elihleli encochoyini yeLog iMamelodi Sundowns livule umgama wamaphuzu alishumi elinethoba, kwaye ngumnqantsa onzima kakhulu ukuba iqela lePirates lingakwazi ukufikelela kweliqela laseTshwane.
Kodwa ukugqiba kwisigaba sokuba liqela elilandela iintshatsheli zeligi, ngumzamo ofanelekileyo kwiqela lamaBuccaneer, elingasemva ngamaphuzu amahlanu kwiqela le Super Sport United.
Oku kuthetha ukuba kufuneka lizimisele iqela lePirates kumdlalo walo neDube Birds.
Umqeqeshi uJose Riveiro ubuyile kwiqela lakhe laseSoweto, emva kokungabikho kwimidlalo emibini edlulileyo kuba ubenqunyanyisiwe.
Usekela mqeqeshi uSergio Almanara, ubengene ezihlangwini zika Riveiro, uziva ngathi badinga ukutshintsha iingqondo zabo bazillungise njengoko bezakudlala lomdlalo ne qela leSwallows.
“Njengoko benditshilo kwiveki ephelileyo, sicinga ngemidlalo iveki neveki,” utshilo
“Sizama ukuzilungisa ngonkwengqondo, emva koko silungiselele umdalo olandelayo [siqubisana neSwallows].”
Ngelixa iqela lePirates livela kumdlalo elibethwe kuwo, iiBirds zona zidlamkile kuba zivela kwimpumelelo yamaqaku amabini kwelinye, kudlalo ebiwudlalela kwibala leChippa United, nalapho belifana nokuba bezilungiselela umdlao walo nePirates.
Umfanekiso ongasentla: Uqeqesho lweqela leOrlando Pirates
Imvelaphi yomfanekiso: Orlando Pirates